Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Imithetho Yokunikwa Kweemvume

    Ukukhutshwa kweemvume zokuthengiswa kotywala kubonwa ngabaninzi njengokuthibaza ububi bokusela. Kanti ke, ngokukhutshwa kweemvume zokuthengisa kukubeka ukuthengisa phantsi kokhuseleko lomthetho. Ulawulo luvumela ukuthengiswa kwabo, kwaye ngaloo ndlela lukhuthaza ububi oluthi luyabunqanda. Phantsi kokhuseleko lwemithetho enika imvume, abadidiyeli, abahluzi, nabenzi bewayini batyalwe kuwo wonke umhlaba, baze abathengisa utywala bawuqhube umsebenzi wabo kufuphi kuyo yonke iminyango yethu.UL 266.2

    Othengisayo uye alelwe ukuba athengise okunxilisayo kulowo sele enxilile okanye owaziwayo ukuba ulinxila eliqinisekileyo; kodwa umsebenzi wokunxilisa ulutha uthe chu ubheka phambili kancinane. Ekudalweni kwelithe lotywala kulutsha, kulapho kuxhomekeke khona ubomi bokuthengisa utywala. Ulutsha luqala kancinane, inyathelo phezu kwenyathelo, ude umkhwa wotywala uzinze uqine kuze kubekho unxano ekufuneka lwanelisiwe nakanjani. Bekungayi kuba yingozi kakhulu ukunika inxila utywala, elikonakala kwalo, kumaxesha amaninzi, kuse kuqinisekile, kunokuvumela intyatyambo yolutsha lwethu itsalelwe kwantshabalalo ngalo mkhwa woyikekayo.UL 267.1

    Ngokukhutshwa kwamaphepha-mvume okuthengisa utywala, kubekwe isihendo ukuba sihlale sihleli phambi kwabo kuzanywa ukuba babuye umva. Imizi yakhiwe apho amaxhoba okungabi nabungcathu anokuncedwa khona ukuba aloyise ilithe lokuthanda ukusela. Ngumsebenzi omhle kakhulu lo; kodwa lonke ixesha ukuthengiswa kotywala kusavunyelwa ngumthetho, abangakwaziyo ukuzibamba bazuza kancinane kumaziko empambano yamanxila. Abakwazi ukusoloko belapho ngamaxesha wonke. Kufuneka bahlale kwiindawo zabo phakathi kwabantu ekuhlaleni. Ilithe lesiselo esinxilisayo, nokuba sicinezelwe, asimki kuphele; sithi sakuhlasela isihendo, njengoko sisenza kumacala onke, bakholise ukuba ngamaxhoba awa ngokulula.UL 267.2

    Umntu onesilwanyana esinengcwangu nothi, eyazi imeko yaso,asinike inkululeko, ngokwemithetho yelizwe, umele aphendule ngobubi obunokwenziwa sisilwanyana sakhe. Kwimithetho eyanikwa uIsrayeli, uYehova wayalela ukuba, xa isilwanyana esaziwa ngokuba sinengcwangu sithe sabulala umntu, ubomi bomnini waso kufuneka buhlawule ixabiso lokungakhathali okanye lengozi. Kwangaloo mthetho-siseko mnye, ulawulo lukarhulumente olunika othengisa utywala imvume kufuneka luthwele uxanduva lweziphumo zokuthengisa kwakhe. Ukuba lulwaphumo lomthetho olufanele ukufa ukunika inkululeko kwisilwanyana esinengcwangu, lukhulu kangakanani ulwaphulo lomthetho ukuvumela umsebenzi womthegisi wotywala!UL 267.3

    Iimvume zikhutshwa kuba kuthiwa zizisa ingeniso kuvimba wesizwe. Kanti ke iyintoni le ngeniso xa ithelekiswa nendleko enkulu eyenziwa ngenxa yabaphula umthetho, abaphambeneyo, namahlwempu, abasisiqhamo sokuthengiswa kotywala! Umntu ophantsi kwempembelelo yotywala waphula umthetho; uthi aziswe enkundleni; baze abo babenike imvume yokuthengiswa kotywala banyanzeleke ukuba basebenzane neziphumo zowabo umsebenzi. Banika igunya lokuthengiswa kwesiselo sokuphambanisa umntu; ngoko kunyanzelekile ukuba kwabona ukuba bamthumele lo mntu entolongweni okanye ayokuxhonywa [kumazwe axhomayo], lo gama maxa wambi inkosikazi yakhe nabantwana besele behluphekile kufuneka bejongwe ngabahlali abaphakathi kwabo.UL 268.1

    Ngokujonga nje kwicala lemali kulo mcimbi, bubudenge obungakanani ukunyamezela ushishino olunjalo! Yingeniselo enjani yona enokubuyisela ilahleko yokucinga komntu, ukucinywa nokonakaliswa komfanekiselo kaThixo emntwini, ukonakaliswa kwabantwana, ukuhlwempuza nokuthotyelwa phantsi, ukukhulisa ebantwaneni babo ukuthanda ukwenza ububi kooyise abanxilayo?UL 268.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents