Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Amaqebengwana Erhasi Ondla Isihlwele

    Imini yonke abantu babebuthelene ezinyaweni zikaKristu nabafundi baKhe ngexesha efundisa ngaselwandle. Babephulaphule amazwi waKhe anencasa, elula, ecace ngokokude afane nomathunga waseGiliyadi emphefumlweni wabo. Impiliso yesandla saKhe esingcwele yayizise impilo kwabagulayo nobomi kwabafayo. Kubo, imini yaba ngathi lizulu emhlabeni, bada ababuqaphela ubude bexesha behleli bengakhange bafake kwanto emlonyeni.UL 27.3

    Ilanga lalisiya kunina ngasentshona, kodwa abantu babesajikeleza. Ekugqibeleni abafundi beza kuKristu, bemkhuthaza ukuba, ngenxa yabo, abantu mabandululwe bahambe. Abaninzi babesuka kude bengakhange batye nto seloko kusile. Kwiidolophu ezingqongileyo neelali ezikufuphi mhlawumbi babengakufumana ukutya. Noko kunjalo, uYesu wathi, “Bapheni badle.” Mateyu 14:16. Emva koko, wajika wakhangela kuFilipu, wabuza, “Sozithenga phi na izonka, ukuze badle aba?” Yohane 6:5.UL 27.4

    UFilipu walukhangela ulwandle lweentloko zabantu wabona indlela engenako ukwenzeka ngayo into yokuba kuziswe ukutya kwenkumbula engako. Waphendula ngelokuba, nezonka ezingaba likhulu lemali [iirandi] azingeke zanele ukwahlulelwa aba bantu baze bazuze elowo iqhekezana.UL 28.1

    UYesu wabuza ukuba kungakanani ukutya okukhoyo apho phakathi kweso sihlwele. “Kukho nkwenkana apha,” watsho uAndreya, “inezonka ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini; kodwa ke ziyintoni na ezo kwabangakanana?” Indima 9. UYesu wayalela ukuba ziziswe kuYe. Akuba etshilo, wathi abafundi mababahlalise abantu engceni. Kwathi kwakuba kwenziwe oku, wakuthabatha ukutya, “ekhangele ezulwini, wasikelela; waqhekeza, wazinika abafundi izonka ezo; ke abafundi banika izihlwele. Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, zalishumi elinazibini izitya zizele.” Mateyu 14:19, 20.UL 28.2

    Kwakungommangaliso wamandla ezulu ukuba uKristu ondle isihlwele; ukanti sasithobeke kangakanani eso sibonelelo basinikwayo—iintlanzi nezonka zerhasi kuphela izinto ezazikukutya kwamihla le kubalobi baseGalili.UL 28.3

    UKristu wayenako ukubeka phambi kwabantu izibiliboco, kodwa, ukutya okwanelisa nje ukuthanda ukutya okanye ilithe kwakungayi kunika sifundo sinokubanceda. Ngommangaliso waKhe, uKristu wayenga angafundisa isifundo sokuthobeka. Ukuba abantu namhla bebengathobeka kwimikhwa yabo, baphile ngokuhambelana nemithetho yendalo, njengoko benjenjalo uAdam noEva ekuqalekeni, bekuya kubakho okuninzi ngokwaneleyo ukwaneza iimfuno zoluntu. Ngenxa yoko, ukubawa nokuziyekela elitheni kuzise isono nentlupheko, ukuba nokuninzi kakhulu kwelinye icala, nentswelo kwelinye.UL 28.4

    UYesu wayengafuni kutsalela abantu kuYe ngokwanelisa umnqweno wabo wobunewunewu. Kweso sihlwele sikhulu, abadiniweyo nabalambileyo emva kwemini ende nezaliswe luchulumanco, ukutya nje okuthobekileyo kwakusisiqinisekiso samandla waKhe nenkathalo yaKhe kubo kwiintswelo zabo eziqhelekileyo ebomini. UMsindisi akabathembisangaubunewunewubehlabathiabalandelibaKhe. Bangaba ngabantu abanokucudiswa yintlupheko; kodwa ngelizwi laKhe kubhambathiswe ukuba intswelo yabo iya kwaneliswa, kwaye uthembise okungcono kunokuhle kwasemhlabeni—intuthuzelo ehlala ihleli yobukho baKhe.UL 29.1

    Sithe sesondliwe isihlwele, kwasala imfumba yokutya. UYesu wabayalela abafundi baKhe, esithi, “Buthani amaqhekeza aseleyo, ukuze kungonakali nto.” Yohane 6:12. La mazwi ayethetha okukhulu ngaphezu kokufaka ukutya ezingobozini. Isifundo sasintlantlu-mbini. Akukho nto kufuneka ichithwe. Akufuneki siyeke kuphuncuke okuhle kwasemhlabeni. Akufuneki sityeshele nto engathi ibe luncedo kumntu. Makuhlanganiswe konke okungaba luncedo ukwanelisa iizidingo zabalambileyo basemhlabeni. Ngokunonophela okufanayo, kufuneka sisixabise isonka esivela ezulwini sokwanelisa izidingo zomphefumlo. Ngalo lonke ilizwi likaThixo, sinako ukuphila. Ayikho into ayithethileyo uThixo ekufuneka ilahliwe. Akukho nelilodwa ilizwi elingosindiso lwethu lukanaphakade emasingalikhathaleli. Akukho nelilodwa emaliwe emhlabeni njengelingento yanto.UL 29.2

    Ummangaliso wezonka ufundisa ukuxhomekeka kuThixo. Xa uKristu wayesondla amawaka amahlanu, kwakungekho kutya kufuphi apho. Kuyabonakala nokuba wayengenayo imali ephantsi kolawulo lwaKhe. NguYe lowo apho namawaka amahlanu amadoda, ngaphandle kwabafazi nabantwana, kwintlango awayengamemanga sihlwele ukuba simlandele ukuya apho. Ngokunqwenela ukuba kunye naYe, beza bengamenywanga okanye bengayalelwanga; kodwa wayesazi ukuba, emva kokuba bephulaphule imini yonke imfundiso yaKhe babefile yindlala. Babekude nekhaya, baye ubusuku busondele. Abaninzi kubo babengenayo imali yokuthenga ukutya. Lowo wathi ngenxa yabo wazila iintsuku ezimashumi mane entlango, wayengayi kubayeka babuyele emakhaya belambile.UL 29.3

    Ukubonelela kukaThixo kwambekauYesu apho wayekhona, waza waxhomekeka kuYise osemazulwini ngecebo lokukhululeka kwisidingo. Xa sithe sabekwa kwindawo emxinwa, kufuneka sixhomekeke kuThixo. Kuyo yonke imeko eyingxaki, kufuneka sifune uncedo kuYe ozinto zonke zisesandleni saKhe.UL 29.4

    Kulo mmangaliso, uYesu wazuza kuYise, Yena wanika abafundi, abafundi banika abantu, abantu banikana omnye nomnye. Ngoko ke, bonke abamanyene kuKristu, baya kwamkela kuYe isonka sobomi, baze baqhekezele abanye. Abafundi baKhe balicebo elinyuliweyo loqhagamshelano phakathi kukaKristu nabantu.UL 30.1

    Bathi abafundi bakuva umyalelo woMsindisi othi, “Zipheni nina zitye,” kwavuka zonke iinzima ezingqondweni zabo. Babuza, “Siphume siye emizaneni ukuya kuthenga ukutya?” UYesu wasuka wathi, “Zipheni nina zitye.” Abafundi bakuzisa kuYesu konke ababenako; kodwa akaze athi kubo mabatye. Wathi mabanike abantu. ukutya kwanda ezandleni zaKhe, zaza izandla zabafundi, ezazisamkela kuKristu, azaze zingazaliswa yinto. Uvimba omncinane wabanela bonke. Sakuba sondliwe isihlwele, abafundi batya kunye noYesu koko kutya kuxabisekileyo kunikwe lizulu.UL 30.2

    Xa sibona ukuswela kwabantu, abangazi nto, abangcungcuthekayo, iintliziyo zethu zikholisa ukuba buhlungu. “Yintoni enokwenziwa ngamandlana wethu abuthakathaka, neentwana-ntwanana esinazo esinokuzikhupha ukunceda kule ntswelo imbi kangaka?” Asingeke silinde na kude kufike umntu onesakhono esikhulu ukuba akhokele lo msebenzi, okanye kubekho iqumrhu elinokuwenza?” UKristu uthi, “Zipheni nina zitye.” Sebenzisani ubugcwabalalana, ixesha nesakhono, izinto eninazo. Yizani nezonka zenu zerhasi kuYesu.UL 30.3

    Nangona eninako kunganelanga ukondla amawaka, kunokwanela ukondla umntu omnye. Esandleni sikaKristu, kunako ukondla abaninzi. Njengabafundi, nikelani eninako. UKristu uya kusiphinda phinda isipho. Uyakukuvuza ukuxhomekeka ngenene kuYe okunyanisekileyo, okungenakumbi. Oko kubonakala kuyinto encinane kuya kuba sisidlo esikhulu esinesondlo.UL 30.4

    “Lowo uhlwayela ngokuvimba wovuna kwangokuvimba; nalowo uhlwayela ngesisa wovuna kwangesisa. . . . Unako ke uThixo ukuphuphumisela kuni ubabalo lonke, ukuze nithi, nihlala ninako nje ukwanela konke ngeendawo zonke, niphuphumele emsebenzini wonke olungileyo; njengokuba kubhaliwe kwathiwa,UL 30.5

    “Wasasaza, wapha abasweleyo;
    Ubulungisa bakhe buhleli ngonaphakade.
    UL 31.1

    (INdumiso 112:9

    “Lowo ompha imbewu umhlwayeli, nesonka sokudliwa, angathi aniphe ayandise imbewu yenu, ahlumise isiqhamo sobulungisa benu; nithi ngeendawo zonke nityetyiselwe ekwenzeni bonke ububele.” 2 Korinte 9:6-11, R. V.UL 31.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents