Imithetho-Siseko Yempilo
20—Ulwazi Ngempilo Jikelele
Ukwazi ukuba umntu umele abe yitempile kaThixo, ikhaya lokutyhila ubuqaqawuli baKhe, kumele kube yeyona nkuthazo iphakamileyo yokukhathalelwa nokuphuhliswa kwamandla ethu omzimba. Ngokoyikekayo nangokumangalisayo uMdali wawenza umzimba womntu, kwaye esithi masiwenze isifundo sethu, siqonde izidingo zawo, sidlale indawo yethu ekuwugcineni ekonakalisweni nasekungcolisweni.UL 210.1