Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    “Namkele Ngesisa Yiphani Ngesisa”

    Isimemo seendaba ezilungileyo akufuneki sincitshiswe size sinikwe kuphela iqaqobana elikhethiweyo, abantu abo, ngokucinga kwethu, abaya kusinika udumo xa besamkele isimemo eso. Isigidimi kufuneka sinikwe abantu bonke. Xa uThixo esikelela abantwana, akenzeli bona bodwa, koko wenzela ihlabathi lonke. Xa anikela izipho zaKhe kuthi, ukwenza oko ukuze thina siziphindaphinde ngokuthi nathi siphe ngazo.UL 67.1

    Intokazi yaseSamariya yathi, ngako nje ukuba ithehe noYesu equleni likaYakobi, yakhawuleza yazisa abanye kuYe. Yazibonisa ukuba ingumvangeli osebenza kakhulu ukudlula abaKhe abafundi.Abafundi babengabonanga nto eSamariya ebonisa ukuba iyintsimi ekhuthazayo. Iingcinga zabo zazimile kumsebenzi omkhulu owawuza kwenziwa ngexesha elizayo. Babengaboni ukuba apha kanye ecaleni kwabo bajikelezwe sisivuno ekufuneka siqokelelwe. Kwathi kodwa ngomfazi bona ababemdelile, isixeko sonke saziswa ukuba sive uYesu. Wakusa kwangoko ukukhanya kubantu bakubo.UL 68.1

    Le ntokazi imele ukusebenza okuphathekayo kokholo kuKristu. Wonke umfundi wenene uzelwe ebukumkanini bukaThixo njengomvangeli. Ngako nje ukuba amazi uMsindisi usuka anqwenele ukuba enze nabanye baqhelane naYe. Inyaniso esindisayo nengcwalisayo ayikwazi ukuvalelwa entliziyweni yakhe. Lowo usela kumanzi aphilileyo uba ngumthombo wobomi. Lowo uzuzayo uba ngophayo. Ubabalo lukaKristu emphefumlweni lufana nomthombo entlango, othi uzalisele ukuhlaziya bonke, owenza ukuba bonke abajonjenge nokutshabalala balangazelele ukusela kumanzi obomi. Ekwenzeni lo msebenzi, kufumaneka intsikelelo enkulu kakhulu kunaxa sisebenzela nje ukuzuza kwethu. Kusekusebenzeni ukusasaza iindaba ezilungileyo zosindiso esithi sisondezwe kuMsindisi.UL 68.2

    Ethetha ngabo bamkela ubabalo lwaKhe, uYehova uthi:UL 68.3

    “Ndowenza wona, kwaneendwo ezingeenxa zonke endulini yam, ube yintsikelelo; ndihlise imvula ngexesha elililo; iya kuba yimvula entsikelo.” Hezekile 34:26UL 68.4

    “Ke kaloku, ngomhla wokugqibela, ongowona mkhulu womthendeleko, wema uYesu, wadanduluka esithi, Ukuba kukho othi anxanwe, makeze kum asele. Lowo ukholwayo kum, njengoko satshoyo isibhalo, kuya kumpompoza imilambo yamanzi aphilileyo, iphuma embilinini wakhe.” Yohane 7:37, 38.UL 68.5

    Abo bazuzayo kufuneka banike nabanye. Kuvela kumacala onke ubizo loncedo. UThixo ubiza abantu ukuba balungiselele ngovuyo kubazalwana babo. Izithsaba ezingunaphakade kufuneka zifunyenwe; ubukumkani bamazulu kufuneka buzuziwe; ihlabathi, elitshabalala ekungazini, kufuneka likhanyiselwe.UL 68.6

    “Anitsho na nina ukuthi, Iinyanga zisene, kuze kufike ukuvuna? Yabonani, ndithi kuni, Waphakamiseni amehlo enu, niwakhangele amasimi; ngokuba aselemhlophe ukuba kuvunwe. Novunayo wamkela umvuzo, abuthele iziqhamo ebomini obungunaphakade.” Yohane 4:35,36.UL 68.7

    Kwakuyiminyaka emithathu abafundi benomzekelo omhle kakhulu onguYesu. Imihla ngemihla babehamba bethetha naYe, besiva amazwi waKhe ayinkuthazo kwabadiniweyo nabasindwa yimithwalo, bekubona ukubonakalaliswa kwamandla waKhe ngenxa yabagulayo nabangcungcuthekayo. Lathi lakufika ixesha lokuba abashiye, wabanika ubabalo namandla ukuba baqhubele phambili umsebenzi waKhe egameni laKhe. Babeza kusasaza ukukhanya kwendaba ezilungileyo zaKhe zothando nokuphilisa. UMsindisi wathembisa ukuba ubukho baKhe buya kuhlala bunabo. ngoMoya Oyingcwele wayeya kusondela ngaphezulu kubo kunaxa wayehamba ebonakala phakathi kwabo.UL 69.1

    Umsebenzi abawenzayo abafundi, nathi sinako ukuwenza. Wonke umKristu kufuneka abe ngumvangeli. Ngosizi novelwano kufuneka silungiselele kwabo badinga uncedo, sizame, ngokunyaniseka okungasekeleze nzuzo, ukwenza lula umthwalo wosizi kuluntu olubulalekayo.UL 69.2

    Sonke sinako ukufumana into yokwenza. Abakho abadinga ukuziva ukuba abanandawo apho bangamsebenzela khona uKristu. UMsindisi uzayamanisa naye wonke umntwana woluntu. Ukuze sibe ngamalugu osapho lwasemazulwini, uye waba lilungu losapho lwasemhlabeni. UnguNyana woMntu, ngaloo ndlela ungumzalwana kuye wonke unyana nentombi ka-Adam. Abalandeli baKhe akufuneki bazive besusiwe kwihlabathi elitshabalalayo elibajikelezileyo. Bayinxalenye yengubo enkulu yoluntu, laye izulu libabona njengabazalwana baboni kwakunye nabangcwele.UL 69.3

    Izigidi ngezigidi zabantu, ekuguleni nasekungazini nasesonweni, azikazange zive kangako ngothando lukaKristu kubo. Ukuba imeko yabo ibingenziwa eyethu, besingalangazelela ukuba basenzele ntoni? Konke oku, kangangamandla esinawo, kufuneka sikwenzele bona. Ummiselo kaKristu esiya kuthi sonke ngabanye sime okanye siwe ngawo emgwebeni, uthi, “Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo.” Mateyu 7:12.UL 69.4

    Ngako konke esithe sangcono ngako kunabanye,--nokuba yimfundo nenkcubeko, indili yesimilo, ingqeqesho yobuKristu, amava enkolo,--sinetyala kwabo bazuze ngaphantsi; kwaye kangangamandla esinawo, kufuneka silungiselele kubo. Ukuba sinamandla, kufuneka siziqini izandla zabangenawo amandla.UL 70.1

    Iingelosi zozuko ezihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini, ziyakuvuyela ukulungisela kwabancinane. Iingelosi zihlala zikho apho zidingeka khona kakhulu, zinabo banawona madabi anzima okulwa nomna, nabakwiindawo ezityhafisa kakhulu. Imiphefumlo engenamandla nengcangcazelayo ezinesimilo esineempawu ezininzi ezingathandekiyo yiyo kanye ezaluse yona ngendlela eyodwa. Oko ezithi iintliziyo ezibawayo zikubone njengenkonzo ethobela phantsi, --ukulungiselela kwabo balusizi nabaphantsi ngazo zonke iindlela zesimilo,--ngumsebenzi wezidalwa ezinyulu, ezingenasono, ezivela kwiinkundla zangasentla-ezulwini.UL 70.2

    UYesu akazange alibone izulu liyindawo enqwenelekayo lo gama thina silahlekile. Wazishiya iinkundla zasezulwini wathabatha ubomi bokugculelwa nokuthukwa., nokufa kwehlazo. Lowo wayesisityebi ngendyebo yezulu engenako ukulinganiswa ngexabiso waba lihlwemmpu, ukuze ngobuhlwempu baKhe sibe zizityebi. Kufuneka lilandele indlela awayihambayo.UL 70.3

    Othi abe ngumntwana kaThixo, ufanele ukuba kwangoko azibone njengekhonkco kwityathanga elithotyelwe ezantsi ukuba lisindise ihlabathi, ekunye oKrisu kwicebo laKhe lenceba, eqhubeka kunye naYe ekufuneni nasekusindiseni abalahlekileyo.UL 70.4

    Abaninzi banento ethi, kungaba lilungelo elikhulu ukuya kwiindawo awayephila kuzo uKristu xa wayesemhlabeni, ukuhamba apho wahambayo, ukukhangela kwichibi apho wayethanda ukufundisa ecaleni lalo, nakwiinduli neentili apho wayethanda ukuwaphumza khona amehlo waKhe. Kungade kube njalo, kodwa akusidingi ukuya eNazarete, eKapernahum, okanye eBhethani, ukuze sihambe kumanyathelo kaYesu. Siya kuwafumana amanyathelo waKhe ngakumandlalo wabagulayo, kwiinkontyo zentlupheko, kwiindlela ezimxinwa ezizele ngabantu kwiidolophu ezinkulu, nakuzo zonke iindawo apho iintliziyo zabantu zidinga intuthuzelo.UL 70.5

    Kufuneka sondle abalambileyo, sambathise abaze, sithuthuzele abalusizi nabathuthunjelwayo. Kufuneka silungeselele kwabo bafikelwe kukuncama, sinike inkuthazo yethemba kwabalisweleyo ithemba.UL 71.1

    Uthando lukaKristu, xa lubonakalaliswe kumsebenzi ongajonge nzuzo, lungasebenza kakhulu ukuguqula umenzi wobubi kunekrele okanye inkundla yobulungisa. Ziyafuneka zona ezo ukufaka ukoyika kumaphuli womthetho, kodwa umvangeli onothando angenza ngaphezulu kunoku. Kuyakholisa ukuba, intliziyo eqaqadekayo phantsi kokuthethiswa iyanyibilika phantsi kothando lukaKristu.UL 71.2

    Umvangeli akaneli ukuzisa kuphela inkululeko kwizifo zasenyameni, kodwa unako ukukhokelela umoni kuGqirha omKhulu, onako ukuhlambulula umphefumlo kwiqhenqa lesono. Ngabakhonzi baKhe, uThixo wenza ukuba abagulayo, abaseshweni, nabo banemimoya ekhohlakeleyo balive ilizwi laKhe. Ngezenzeleleli ezingabantu, unqwenela ukuba ngumthuthuzeli elingazange lamazi ihlabathi onjalo.UL 71.3

    UMsindisi unikele ubomi baKhe obunexabiso ukuba kumiselwe ibandla elinako ukulungiselela kwababulalekayo, kwabazele lusizi, nakwabahendwayo. Iqela lamakholwa lisenokuba lihluphekile, alifundanga, alaziwa; kanti ke kuKristu linako ukwenza umsebenzi ekhaya, ekuhlaleni “nakwimimandla engaphesheya,’ oziphumo zawo ziya kufikelela kunaphakade.UL 71.4

    Kubalandeli bakaKristu namhlanje, ngokungekho ngaphantsi kubafundi bokuqala, kuthethwa la mazwi”UL 71.5

    “Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini. Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga.” “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo.” Mateyu 28:18,19; Marko 16:15. UL 71.6

    Nakuthi, senziwe isithembiso sobukho baKhe, “Niyabona, mna ndinani yonke imihla kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.” Mateyu 28:20.UL 71.7

    Namhlanje izihlwele ezifuna ukwazi ziquqela kwiindawo ezizintlango ukuba zibone zokuba zive uKristu. Ilizwi laKhe alivakali kwizitrato ezixakekileyo. Akuvakali sikhalo ecaleni lendlela, “UYesu waseNazarete uyadlula.” Luka 18:37. Kanti ke eli lizwi linyanisile namhlanje. UKristu uhamba engabonwa phakathi kwezitrato zethu. enezigidimi zenceba, uyafika emakhayeni wethu. Ulindele ukusebenzisana nabo bonke abafuna ukulungiselela egameni laKhe. Uphakathi kwethu, ukuba aphilise asikelele, ukuba siyamamkela.UL 71.8

    “Utsho uYehova ukuthi, Ngexesha elamkelekileyo ndikuphendule, ndakunceda ngemini yosindiso. Ndiya kukubumba, ndikunike ukuba ube ngumnqophiso wabantu, ukuba ulimise ilizwe, ukuba uwabe amafa angamanxuwa; uthi kubabanjwa, Phumani; [uthi kwabo] basebumnyameni, Velani.”UL 72.1

    “Hayi, ukuba zintle kwazo ezintabeni iinyawo zabashumayela iindaba ezimnandi, zabavakalisa uxolo, zabashumayela usindiso; zabathi kwiZiyon, Uyalawula uThixo wakho!” Isaya 49:8, 9; 52:7.UL 72.2

    “Gqobhokelani ekumemeleleni kunye, manxuwa : . . .
    UYehova ubathuthuzele abantu bakhe. . . .
    UYehova uyihlubile ingalo yakhe engcwele
    Emehlweni eentlanga zonke;
    Zonke iziphelo zehlabathi
    Ziya lukubona ke usindiso loThixo wethu.”
    UL 72.3

    Iindima 9, 10.

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents