Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Abahlolokazi Neenkedama

    Umhlolokazi nabangenabazali bangabantu abakhathalelwe yiNkosi ngendlela eyodwa.UL 152.1

    “Uyise weenkedama, umthetheleli wabahlolokazi,
    nguThixo ekhayeni lakhe elingcwele.”
    “Ngokuba indoda yakho nguMenzi wakho;
    Ogama lakhe linguYehova wemikhosi;
    NguMkhululi wakho oyiNgwele kaIsrayeli,
    Ekuthiwa nguThixo wehlabathi lonke.”
    “Shiya iinkedama zakho; ndiya kuziphilisa,
    Bakholose ngam abahlolokazi bakho.”
    UL 152.2

    INdumiso 68:5; Isaya 54:5; Yeremiya 49;11.

    Ootata abaninzi, xa bevunyelwa ukuba bahlukane neentsapho abazithandayo, bafa beqamele kwisithembiso sikaThixo sokuzigcina [kukaThixo] iintsapho zabo. INkosi ibenzele umsindleko--umhlolokazi nongenayise, kungengammangaliso wokuthumela imana ivela ezulwini, kungengakuthumela amahlungulu ukuba abaphathele ukutya; kodwa ngommangaliso ezintliziyweni zabantu, egxotha ukuba bajonge kwiziqu zabo, nokuvula imithombo yothando olufana nolukaKristu. Abangcungcuthekayo nabafelweyo ubanikele kubalandeli baKhe ukuba babe ngamagugu abawagcinisiweyo.UL 152.3

    Emakhayeni anikwe ukonwaba kobomi, kwiindawo ekuhlala kuzo ukutya noovimba abagcwele yintabalala yesivuno, kwizindlu zokugcina iimpahla zokusonta, namagumbi anqabileyo ekugcinwe kuwo igolide nesilivere, uThixo unike indyebo yokuxhaswa kwaba banentswelo. Uyasibiza ukuba sibe ngamajelo obutyebi baKhe.UL 152.4

    Abahlolokazi abaninzi abanabantwana abangenayise, abanesibindi sokuzama ukuthwala umthwalo wabo ontlantlu-mbini, babe besebenza nzima ngaphezu kwamandla abo ukuze bazigcine iintsana zabo kunye nabo nokuba bahlangabezane nezidingo zabo.Lincinane ixesha analo lokubaqeqesha nokubafundisa; lilincinane nethuba lokubarhangqa ngeempembelelo ezinokubukhanyisa ubomi babo. Uyayidinga inkuthazo, uvelwano, noncedo oluphathekayo.UL 152.5

    UThixo ubiza thina ukuba sibancede, kangangoko sinako, aba bantwana, kwintswelo yenkathalelo katata. Endaweni yokuma qelele, kukhalazelwa iimpazamo zabo, nenkathazo abanokuyenza, mabancedwe ngayo yonke indlela enokubakho. Makuzanywe kuncedwe umama ophelileyo lixhala. Mayenziwe lula imithwalo yakhe.UL 153.1

    Ikwakho nenye inkitha yabantwana abavinjwa kwaphela inkokelo yabazali kunye nempembelelo eyoyisayo yekhaya lobuKristu. AmaKristu mawavule iintliziyo zayo namakhaya kwaba bangenako ukuzinceda. Umsebenzi uThixo awunikele kubo njengoxanduva olulodwa uwumelwe kugqithiselwa kwimizi ethile yoncedo okanye iyekelwe kumathuba obubele behlabathi. Ukuba abantwana abanazo izizalwana ezikwaziyo ukubakhathalela, inkonzo mayibanike amakhaya. Lowo wasenzayo wasithambisa ukuze sikwazi ukuhlangana sibe ziintsapho, ize indalo yomntwana iphuhle kakuhle kakhulu kumoya onothando wekhaya lobuKristu.UL 153.2

    Abaninzi abangenabo ababo abantwana banokwenza umsebenzi omhle ngokukhathalela abantwana babanye. Endaweni yokunakekela izilo-maqabane, bethsafaza uthando kwizilwanyana ezingathethiyo, mabanike ingqalelo yabo kubantwana abancinane, abazimilo zabo banokuzakha ngokwemfano yesimilo sikaThixo. Nina lubekeni uthando lwenu kumalungu osapho loluntu lawo angenawo amakhaya. Bonani ukuba bangaphi kwaba bantwana eninokubakhulisa nibaqeqeshela iNkosi. Baninzi abanokuthi ngokwenza oko bazizuzele okuhle kakhulu.UL 153.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents