Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukuziqeqeshela Idabi Lobomi

    Asikwazi ukukhunjuzwa njalo ukuba impilo ayixhomekeki engozini [kusambhaqa] . Isisiphumo sokuthobela umthetho. Oku kuyavunwa ngabathabatha inxaxheba kukhuphiswano lwemidlalo yokubaleka nakuvavanyo lwamandla. Aba bantu benza ulungiselelo olunonophelo olukhulu kakhulu. Bazinikela kuqeqesho nolawulo olungqongqo kakhulu. Umkhwa ngamnye womzimba ululekwa ngononophelo. Bayazi ukuba ukutyeshela, ukudlulisa, okanye ukungakhathali, okwenza buthakathaka naliphi ilungu okanye ukusebenza komzimba, kuqinisekisa ukoyiswa.UL 89.1

    Kubekephi ke ukubaluleka kokuqinisekisa ngokuqaphelisisa ukuphumelela kwidabi lobomi! Ngamadabi nje okulinganisa esikuwo. Silwa imfazwe ekuxhomekeke kuyo iziphumo zikanaphakade. Sineentshaba ezingabonwayo emasiqubisane nazo. Iingelosi ezikhohlakeleyo zilwela ukulawula sonke isidalwa esingumntu. Nokuba yintoni na elimaza impilo, ayaneli nje ukucutha amandla, kodwa yenza buthakathaka amandla engqondo nawokuziphatha. Ukuziyekela nakwesiphi isenzo esingenampilo kwenza ukuba kube nzima kakhulu ukuba ubani ahlule phakathi kokulungileyo nokungalunganga, kuze kube nzima kakhulu ukumelana nobubi. Kukhulisa ingozi yokuwa nokoyiswa.UL 89.2

    “Abo babalekayo elugqatsweni, babaleka bonke okunene, kodwa ke mnye owamkelayo umvuzo.” 1 Korinte 9:24. Kwimfazwe esikuyo, bonke bangaphumelela abo bakwaziyo ukuzilawula ngokuthobela imithetho-siseko elungileyo. Ukuyenza le mithetho-siseko ngokwemininingwane yobomi kuye kukhangelwe ngokungathi akubalulekanga—kungumcimbi omncinane kakhulu ukuba unikwe ukuqwalaselwa. Noko kunjalo, ngokwemiba esijongene nayo, akukho nto thina esinokwenza nayo encinane. Sonke isenzo sifaka ubunzima baso esikalini esigqiba ngoloyiso okanye ngokoyiswa kobomi. IsiBhalo siyasiyala, “Balekani ngokunjalo ke, ukuze nizuze.” Indima 24.UL 89.3

    Kubazali bethu bokuqala, umnqweno wokungabi nabungcathu waba nesiphumo sokulahlekwa yiEden. Ubungcathu kuzo zonke izinto kunokwenza ngaphezulu nokubuyiselwa kwethu e-Eden kunokuba abantu beqonda.UL 89.4

    Esalatha ekuzilanduleni okwakusenziwa ngabo babekhuphisana kwimidlalo yakudala yamaGrike, umpostile uPawulos ubhala athi, “Bonke abantu abazamayo, baba ziingcathu ezintweni zonke. Bona abo ke okunene benzela ukuze bazuze isithsaba esinokonakala; kodwa thina, esingenakonakala. Mna ke ngoko ndenjenjalo ukubaleka, ndingangi andiqondi; ndenjenjalo ukugalela ngenqindi, ndingangi ndibetha umoya; ndisuka ndiwuqobe umzimba wam, ndiwuxinzelele phantsi, hleze ndithi, ndakuba ndizivakalisile iindaba ezilungileyo kwabanye, ndibe mna ndingumlahlelwa phandle.” Iindima 25-27.UL 90.1

    Esinye seziphumo ezithiyeke kakhulu zokreqo lokuqala saba kukulahleka kwamandla okuzilawula komntu. Kuphela xa anokuthi la mandla azuzwe kwakhona ekunokubakho inkqubela phambili yenene.Umzimba kuphela kwejelo ethi ngalo ingqondo nomphefumlo ziphuhliselwe ukwakhiwa kwesimilo. Kungoko athi umchasi wemiphefumlo ajolise kuwo izihendo zakhe ukuze awadodobalise awathobele phantsi amandla womzimba. Impumelelo yakhe apha ithetha ukunikelwa komntu ephelele ebubini. Ukuthanda kwendalo yethu yomzimba, ngaphandle kokuba kube ngaphantsi kolawulo lwegunya langasentla, ngokuqinisekileyo, kuya kusebenza [kuthi] intshabalalo nokufa.UL 90.2

    Umzimba kufuneka ubekwe phantsi kolawulo. Amandla angasentla omntu kufuneka alawule. Iimvakalelo kufunka zilawulwe yingqondo, ekufuneka nayo iphantsi kolawulo lukaThixo. Igunya lolawulo lwengqondo, lingcwaliswe lubabalo lwezulu, kufuneka libe negunya phezu kwemiphefumlo yethu.UL 90.3

    Okufunwa nguThixo kufuneka kufakwe esazeleni. Amadoda neentokazi kufuneka bawuphaphamele umsebenzi wabo wokuzilawula, ukudingeka kobunyulu, inkululeko kuko konke ukuthanda ukutya okudodobalisayo nomkhwa ongcolisayo. Badinga ukuba bathabatheke yinyaniso yokuba onke amandla wabo engqondo nomzimba asisipho sikaThixo, kwaye kufuneka ukuba agcinelwe umsebenzi ekweyona meko intle kakhulu.UL 90.4

    Kwinkonzo yakudala eyayingumfuziselo weendaba ezilungileyo, wawungaziswa esibingelelweni sikaThixo umnikelo onesiphako. Umbingelelo ekwakufuneka umele uKristu kwakufuneka ungabi nabala. Ilizwi likaThixo lalatha koku njengomboniso wento abantwana baKhe ekufuneka babe yiyo—“idini eliphilileyo,” “libe ngcwele, lingabi nasiphako.” Roma 12:1; Efese 5:27.UL 91.1

    Ngaphandle kwamandla ezulu, alukho uhlaziyo lwenene olunokubakho. Izikhuselo zobuntu ezilwa imikhwa yemvelo naleyo ikhulisiweyo zifana nje nodonga lwentlabathi xa lujongene nesiphango esikhulu. Bungekade ubomi bukaKristu bube ngamandla anika impilo ebomini bethu, asisokuze sibe nako ukumelana nezihendo ezisihlaselayo ngaphakathi nangaphandle.UL 91.2

    UKristu weza kulo mhlaba wawuphila umthetho kaThixo, ukuze umntu akwazi ukuba nokuwulawula obukhosi olupheleleyo phezu kweminqweno yemvelo ewonakalisayo umphefumlo. UGqirha womphefumlo nomzimba, uyalunika uloyiso phezu kweenkanuko ezilwayo. Uye walukhupha lonke uncedo, khon’ ukuze umntu abe nokuphelela esimilweni.UL 91.3

    Xa umntu ezinikela kuKristu, ingqondo ibekwa phantsi kolawulo lomthetho; kodwa ngumthetho wakomkhulu, ovakalisa inkululeko kuye wonke othinjiweyo. Ngokuba mnye noKristu, umntu uyakhululwa. Ukuba ngaphantsi kwentando kaKristu kuthetha ukubuyiselwa kubuntu obugqibeleleyo.UL 91.4

    Ukumthobela uThixo yinkululeko ekukhotyokisweni sisono, ukukhululwa kwimvakalelo nentshiseko yobuntu. Umntu anganguye umoyisi wesiqu sakhe, umoyisi weyakhe iminqweno, umoyisi wezikumkani namagunya, “nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade,” kwakunye “[ne]mikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.” Efese 6:12.UL 91.5

    Ayikho indawo edingeka kakhulu kuyo imfundiso enje ngale, kwaye kungekho apho inokuveza okulunge ngaphezulu, kunasekhaya. Abazali kufuneka baxakeke ziziseko kanye zomkhwa nesimilo. Intshukumo yohlaziyo kufuneka iqale ekunikweni kwabo imithetho-siseko yomthetho kaThixo njengenento yokwenza nempilo yomzimba nendlela yokuziphatha. Makuboniswe ukuba ukuthobela ilizwi likaThixo kuphela kwenkuseleko yethu ngakububi obukhukulisa ihlabathi bulisa entshabalalweni. Malucaciswe uxanduva lwabazali, phofu, olungelulo olwabo kuphela, kodwa nolwabantwana babo. Babanika abantwana umzekelo, mhlawumbi owokuthobela okanye owokugqitha umthetho. Ngomzekelo wabo nemfundiso yabo, isiphelo sosapho lwabo siyagqitywa. Abantwana baya kuba koko abazali babo babenza babe kuko.UL 91.6

    Ukuba abazali bangakhokelwa ukuba balande isiphumo sokwenza kwabo, baze babone indlela abathe, ngomzekelo nemfundiso yabo, bakhulisa bandisa amandla esono okanye amandla obulungisa, inguquko ngokuqinisekileyo yayingabakho. Abaninzi babeya kutyeka kwisithethe nesiko, bamkele imithetho-siseko yezulu yobomi.UL 92.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents