Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Amacebo KaThixo Ngawona Alunge Kakhulu

    Amacebo wethu awakholisi ukuba ngamacebo kaThixo. Unako ukubona kusilungele kakhulu kwakunye nomsebenzi waKhe ukwala ezona njongo zintle zethu, njengoko wenzayo kwimeko kaDavide. Inye kodwa into ekufuneka siqiniseke ngayo, uya kubasikelela abasebenzise ekuhambiseleni phambili umsebenzi waKhe abo bazinikele ngokunyanisekileyo nako konke abanako eluzukweni lwaKhe. Ukuba uyabona ukuba kufanelekile ukuba angenzi ngokweminqweno yabo, uya kukuxhasa ukwala ngokubanika imiqondiso yothando lwaKhe nokunika omnye umsebenzi.UL 381.4

    Kwinkathalelo nomdla waKhe ngathi, kuyakholisa ukuba Lowo usazi kakhulu kunokuba sizazi thina uyala ukusivumela ukuba sithi ngomona sizame ukwanelisa awethu amabhongo. Akasivumeli ukuba sihlule singayijongi imisebenzi eqhelekileyo kodwa engcwele elele apha ecaleni kwethu. Kuye kwenzeke ukuba le misebenzi inika uqeqesho kanye olufunekayo ukusilungisela umsebenzi othe xaxe. Amacebo ethu ayakholisa ukuwa phantsi ukuze amacebo kaThixo ngathi aphumelele.UL 382.1

    Asikaze sibizelwe ukuba senzele uThixo umbingelelo wenene. Izinto ezininzi uthi masiziyekele kuYe, kodwa ekwenzeni oku sincama oko kusithintelayo endleleni eqonde ezulwini. Kanti naxa sibiziwe ukuba sinikele izinto, zona ngokwazo ezilungileyo, singaqiniseka ukuba uThixo ngokwenza njalo usebenza kuthi okulungele okwaphezulu.UL 382.2

    Kubomi obuzayo, iimfihlakalo ezithe apha zasiphazamisa, zasiphoxa, ziya kucaciswa. Siya kubona ukuba, imithandazo yethu eyayingathi ayiphendulwa, yayiphaphakathi kwezona ntsikelelo zethu zinkulu.UL 382.3

    Kufuneka siwukhangele wonke umsebenzi, nokuba uthobekile, njengongcwele kuba unyinxalenye yomsebenzi kaThixo. Umthandazo wethu wemihla ngemihla ufanele ukuthi, “Nkosi, ndincede ukuba ndenze okona kulungileyo endinako. Ndifundise indlela yokwenza umsebenzi ongcono. Ndinike amandla nochulumanco. Ndincede ndizise emsebenzini wam ulungiselelo lothando loMsindisi.”UL 382.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents