Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Alikho Ixesha Lokudlala

    Asinalo ixesha lokudlala. Asazi ukuba kuya kuba kufuphi kangakanani ukuba inceba yethu ivalwe. Elona lide, bobu bomi bufutshane sinabo apha, saye singazi nokuba kufuphi kangakanani ukuba utolo lokufa luchane iintliziyo zethu. Asazi ukuba koba kunini sibizwe ukuba siwuncame umhlaba nako konke elikuthandayo. Unaphakade uvulekile phambi kwethu. Ikhuselo sele liza kuphakanyiswa. Yiminyaka nje embalwa nemifutshane, athi wonke obalwa nabaphilileyo ngoku aphunyelwe ngumyalelo othi:UL 365.1

    “Lowo ungalungisiyo, makaselehlala engalungisi; . . . nolilungisa makaselehlala elungisa; nongcwele makaselehlala ezingcwalisile.” IsiTyhilelo 22:11.UL 365.2

    Ingaba sesilungile? Ingaba siqhelene na noThixo, uMlawuli wezulu, uMniki-mthetho, noYesu Kristu awamthumayo ukuba aze emhlabeni njengommeli waKhe? Xa umsebenzi wokuphila kwethu uphelile, siya kukwazi na ukuthi, njengoko wenzayo uKristu umzekelo wethu:UL 365.3

    “Mna ndikuzukisile emhlabeni, ndiwufezile umsebenzi obundinikile ukuba ndiwenze. . . . Ndilibonakalalisile igama lakho.” Yohane 17:4-6.UL 365.4

    Iingelosi zikaThixo zifuna ukusitsala siphume kuthi nakwizinto zehlabathi. Mazingasebenzi ngelize.UL 365.5

    Iingqondo ezinikelwe kwiingcinga eziphalalayo ziyakudinga ukuguqulwa. “Bhinqani izinqe zengqondo yenu, ninobungcathu, niluthembe ngokugqibeleleyo ubabalo oluziswa kuni ekutyhilekeni kukaYesu Kristu; ngokwabantwana bolulamo, ningamilisi okweenkanuko zangaphambili ekungazini kwenu; nithi ke, ngokokwalowo ungcwele wanibizayo, nibe ngcwele nani ngokwenu kuyo yonke ihambo. Ngenxa enokuba kubhaliwe kwathiwa, Yibani ngcwele, ngokuba ndingcwele mna.” 1 Petros 1:13-16.UL 365.6

    Iingcinga kufuneka zimiliselwe phezu kukaThixo. Kufuneka sibe nelinge elinyanisekileyo lokoyisa imikhwa emibi yentliziyo yemveli. Amalinge wethu, ukuzilandula nokuzingisa kwethu, kufuneka kulingane nexabiso elingenamlinganiselo lomgomo esiwulwelayo. Kuphela ngokoyisa njengoko uKristu woyisayo esinokuthi sizuze isithsaba sobomi.UL 365.7

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents