Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    43—Amava Angaphezulu

    Sidinga rhoqo isityhilelo esitsha sikaKristu, amava emihla ngemihla ahambelana nemfundiso yaKhe. Okuphakamileyo nokungcwele ekufuneka kwenziwe kukufuphi kakhulu kuthi. Ukubheka phambili okuzingisayo elwazini nokuhle yinjongo kaThixo ngathi. Umthetho waKhe usisandi selizwi laKhe, lenza isimemo kubo bonke, “Nyukelani ngasentla. Yibani ngcwele, nibe ngcwele ngakumbi.” Yonke imihla sinako ukubheka phambile ekugqibeleleni kwesimilo sobuKristu.UL 407.1

    Abo baxakeke emsebenzini weNkosi badinga amava angphezulu kakhulu, anzulu kakhulu, nabanzi kakhulu, kunokuba abanye bakhe bacinga ukuba nawo. Abaninzi abasele bengamalungu osapho olukhulu lukaThixo bazi kancinane ukuba kuthetha ntoni ukubona uzuko lwaKhe nokuguqulwa ukusuka kuzuko ukuya kuzuko. Abaninzi banembono nje eluzizi ngokulunga kukaKristu, zaye iintliziyo zabo ziya didiza luvuyo. Balangazelela ukuva ngokupheleyo nangokunzulu ngothando loMsindisi. Aba bantu mabonwabele wonke umnqweno womphefumlo ngoThixo. UMoya Oyingcwele usebenza abavumayo ukusetyenzwa, abumbe abavumayo ukubunjwa, akhe abavumayo ukwakhiwa. Zinikeleni kwinkcubeko yengcamango zikamoya nokuhlalisana kunye okungcwele. Niyibonile imitha yokuqala yentsasa yozuko lwaKhe. Xa nilandela ukuze niyazi iNkosi, niya kwazi ukuba “umendo wamalungisa unjengokukhanya komso, okuya kuba mhlophe ngokuba mhlophe, kude kube semini enkulu.” Mizekeliso 4:18.UL 407.2

    “Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze uvuyo lwam luhlale kuni, luthi novuyo lwenu luzaliseke.” Yohane 15:11.UL 407.3

    Kususela ephakadeni, uKristu wahlala ebona isiphumo somsebenzi awuthunyiweyo. Ubomi baKhe baSemhlabeni, buzele kangako kukusebenza nzima nokuzincama, babukhuthazwa yingcamango yokuba wayengayi kuba nako konke oku kubulaleka ngelize. Ngokunikela ubomi baKhe ebantwini, wayeya kubuyisela ebantwini umfanekiselo kaThixo. Wayeya kusiphakamisa eluthulini, asenze ngokutsha isimilo ngokomfanekiso wesaKhe isimilo, aze asenze sibe sihle ngolwaKhe uzuko.UL 407.4

    UKristu wakubona ukubulaleka komphefumlo waKhe waneliseka. Wakhangela ububanzi bukaphakade wakubona ukonwaba kwabo baya kuthi, ngokuzithoba kwaKhe, bazuze uxolelo nobomi obungunaphakade. Wangxwelerhwa ngenxa yezikreqo zabo, walinyazwa ngenxa yobugwenxa babo. Ukubethelwa ukuxolelwa kwabo kwakuphezu kwaKhe, baza baphiliswa ngemivumbo yaKhe. Wayiva imikhwazo yabahlangulweyo. Wabeva abathengiweyo bevuma ingoma kaMoses neyeMvana. Nangona ubhaptizo lwegazi kufuneka lwamkelwe kuqala, nangona izono zehlabathi zazinzima phezu komphefumlo waKhe ongenatyala, nangona ithunzi lwentlungu engathethekiyo laliphezu kwaKhe; kodwa ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwaKhe, wakhetha ukunyamezela umnqamlezo walidela nehlazo.UL 408.1

    Olu vuyo baza kuluxhamla bonke abalandeli baKhe. Nangona lilikhulu lilihle ikamva, umvuzo wethu uwonke awugcinelwanga ixesha lokuhlangulwa kokugqibela. Nangoku apha, ngokholo kufuneka singene kuvuyo loMsindisi wethu. NjengoMoses, kufuneka sinyamezele ngokungathi sibona Ongabonwayo.UL 408.2

    Ngoku ibandla liyalwa. Ngoku sijongene nehlabathi elisebumnyameni, phantse lonke lithe bhakada ekunquleni izithixo.UL 408.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents