Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Umsebenzi Wabafundi

    ULuka, umbhali weGospile enegama lakhe, wayengumvangeli wonyango [ugqirha] . EziBhalweni ubizwa ngokuthi “igqirha eliyintanda.” Kolose 4:14. Umpostile uPawulos weva ngobuchule bakhe njengogqirha, waza wamzingela njengomnye iNkosi eyamnika umsebenzi owodwa. Waba nokusebenza naye ixesha elidana, waza uLuka wahamba naye kwiihambo zakhe besiya kwiindawo ngeendawo. Emva kwexesha, uPawulos wamshiya uLuka eFilipi, eMakedoni. Apha, waqhubeka nokusebenza iminyaka eliqela, engugqirha kwanetitshala yeendaba ezilungileyo. Emsebenzini wakhe njengogqirha walungiselela kwabagulayo, ekwathandazela amandla okuphilisa kaThixo ukuba ahlale phezu kwabo kwabathuthunjelwayo. Ngoko ke, indlela yesigidimi seendaba ezilungileyo yavuleka. Impumelelo kaLuka njengogqirha yamzuzela amathuba amaninzi okushumayela uKristu phakathi kwabahedeni. Licebo lezulu ukuba sisebenze njengoko abafundi babesebenza. Impiliso yasemzimbeni ibophene nomyalelo weendaba ezilungileyo. emsebenzini wegospile, ukufundisa nokuphilisa akufuneki kuze kwahlulwe.UL 99.1

    Umsebenzi wabafundi yayikukusasaza iindaba ezilungileyo. Babenikelwe umsebenzi wokuvakalisa kulo lonke ihlabathi iindaba ezilungileyo ezaziswa nguKristu ebantwini. Loo msebenzi bawufeza kubantu bexesha labo. Kuzo zonke izizwe phantsi kwamazulu zasiwa ngesizukulwana esinye.UL 99.2

    Ukunikelwa kweendaba ezilungileyo emhlabeni ngumsebenzi uThixo awawunikela kwabo bazibiza ngegama laKhe. Emhlabeni wesono nentlupheko, iindaba ezilungileyo kuphela kwechiza lokulwa nezifo. Ukwazisa kulo lonke uluntu isigidimi sobabalo lukaThixo ngumsebenzi ophambili wabo bawaziyo amandla aso okuphilisa.UL 99.3

    Xa uKristu wayethuma abafundi bephethe isigidimi seendaba ezilungileyo, ukukholwa kuThixo nelizwi laKhe kwakukufuphi ukumka ehlabathini. Phakathi kwamaYuda, ababesithi banolwazi ngoYehova, ilizwi laKhe lalibekwe bucala kwabanjwa isithethe nokufundiswa kweembono zabantu. Ukubawa, ukuthanda udumo, ukuthana ukunconywa, ukubawela inzuzo, konke kwazithimba iingqondo zabantu. Njengoko ukumhlonipha uThixo kwakumkile, kwakunjalo nokumka kovelwano ngakubantu. Ukubawa kwakungumthetho-siseko olawulayo, abe uSathana esenza intando yakhe kwintlupheko nokuthotyelwa phantsi koluntu.UL 99.4

    Izenzeleleli zenkohlakalo zibathabathela kulawulo lwazo abantu. Imizimba yabantu, eyenzelwa ukuba ibe yindawo yokuhlala kukaThixo, yaba likhaya leedemon. Izivo, imithambo-luvo, amalungu abantu asetyenziswa zizenzeleleli ezingaphezu kwendalo ekuziyekeleni kwezona nkanuko zingcolileyo. Isiqinisekiso segunya leedemon sabekwa kwiimbonakalo zabantu. Ubuso babantu babonisa imbonakalo yemikhosi yobubi ababelawulwa yiyo abantu.UL 100.1

    Ithini imeko yehlabathi namhlanje? Ingaba ukukholelwa eBhayibhileni akususwanga ngondlela enempumelelo na kukucikoza okubizwa ngokuba luphengululo oluphezulu nokuqashisela kwale mihla njengoko kwakunjalo ngesithethe nobuciko babafundisi oorabhi] ngemihla kaKristu? Ukubawa nomnqweno nokuthanda ulonwabo, kukonke, akuzibambanga ngesandla esiqinileyo na iintliziyo zabantu ngoku njengoko kwakunjalo ngelo xesha? Kwilizwe elizibiza ngobuKristu, nakumabandla azibiza ngoKristu, ambalwa kakhulu alawulwa ngemithetho-siseko yobuKristu. Kumashishini, emphakathini, emakhayeni, nakwiindawo zenkolo, bambalwa kakhulu abazenza iimfundiso zikaKristu umgaqo wokuphila imihla ngemihla. Asiyio yini inyaniso ukuba “nobulungisa buthe qelele; . . . nokunyaniseka akungeni ndawo. . . . oshiy’ ububi uzibhaqa elixhoba?” Isaya 59:14, 15, IBHAYIBHILE.UL 100.2

    Siphila phakathi “kukabhubhani wolwaphulo-mthetho,” ekukho khona amadoda acingayo, amoyikayo uThixo kuyo yonke indawo ame ekhwankqisiwe. Inkohlakalo egqubayo ingaphaya kokuba ingachazwa ngosiba lomntu. Imini nganye iza nokutyhileka okutsha kokulwa kwipolitiki, ukunyoba, nobumenemene. Imini nganye iza nengxelo yayo ebulala intliziyo ngenxa yobundlobongela nolwaphulo lomthetho, ukungakhathalelwa kokuphatheka kakubi kwabantu, ubukrwada, ukutshabalalisa ngenkohlakalo yobuSathana ubomi babantu. Imini nganye ingqina ngokwanda kwempambano, ukubulala, nokuzibulala. Ngubani othandabuzayo ukuba izenzeleleli zenkohlakalo ziyasebenza phakathi kwabantu ngenkuthalo eya ikhula ukuba ziyitsale ziyonakalise ingqondo, nokuba ziwungcolise ziwubulale umzimba?UL 100.3

    Kuthi ngoku kunjalo, ngeli xesha kanye ihlabathi lizele bobu bubi, igospile ithi rhoqo inikwa ngokungakhathali ngendlela eyenza ukuba ibe negalelo elincinane kakhulu kwizazela okanye ebomini babantu. Kuyo yonke indawo kukho iintliziyo ezikhalayo zifuna into ezingenayo. Zilangazelela amandla anokuzikhulula kwimbophelelo yobubi, amandla anokunika impilo nobomi kunye noxolo. Abaninzi abakha bawazi amandla elizwi likaThixo bahleli apho kungekho kuhlonitshwa kukaThixo, baye benqwenela ubukho bukaThixo.UL 101.1

    Ihlabathi lidinga namhlanje oko kwakudingwa kwiminyaka elikhulu elishumi elinethoba eyadlulayo—ukutyhilwa kukaKristu. Umsebenzi omkhulu wohlaziyo uyafunwa, kwaye kungobabalo lukaKristu kuphela ekunokuthi umsebenzi wokubuyiselwa, umzimba, ingqondo, nokwasemoyeni, ube nokufezwa.UL 101.2

    Yindlela kaKristu kuphela enokunika impumelelo ekufikeleleni ebantwini. UMsindisi wayezixuba nabantu njengowayenqwenela ukulungelwa kwabo. Wabonisa uvelwano lwaKhe ngabo, elungiselela kwizidingo zabo, ezuza ukuthenjwa ngabo. Emva koko, wayebabiza, “Ndilandeleni.”UL 101.3

    Sikho isidingo sokuzama ukusondela ebantwini ngobuqu. Ukuba bekunganikwa ixesha elincinane ekushumayeleni, libe lininzi ixesha elichithwa ngolungiselelo lobuqu, bekkungabonwa iziphumo ezikhulu. Amahlwempu kufuneka encediwe, abagulayo bakhathalelwe, abaselusizini nabafelweyo bathuthuzelwe, abangazi nto bafundiswe, nabangenawo amava bacetyiswe. Kufuneka silile nabalilayo, sivuye nabavuyayo. Xa ukhatshwa ngamandla okoyisa, namandla omthandazo, namandla othando lukaThixo, lo msebenzi awunako, kwaye ungeke ungabi nazo iziqhamo.UL 101.4

    Kufuneka sisoloko sikhumbula ukuba injongo yomsebenzi wovangelo ngonyango kukwalathisa amadoda nabafazi abagula sisono kwiNdoda yaseKalvari, eyasusa isono sehlabathi. Ngokuyikhangela, baya kuguqulwa bafane naYo. Kufuneka sibakhuthaze abagulayo nababulalekayo ukuba bakhangele kuYesu baze baphile. Abasebenzi mabasoloko bemgcine uKristu, uGqirha omKhulu, ehleli ephambi kwabo esithe isifo somzimba nomphefumlo sazisa kubo ukuphelelwa lithemba. Mabalathiswe kuLowo unako ukuphilisa isifo sako kokubini, umzimba nomphefumlo. Mabaxelelwe ngaLowo uchukumisekayo yimvakalelo yobulwelwe babo. Mabakhuthazelwe ukuba bazibeke kwinkathalelo yaKhe owanikela ubomi baKhe ukuze bakwazi ukuba nobomi baphakade. Makuthethwe ngothando lwaKhe; kubabazwe amandla aKhe okusindisa.UL 101.5

    Ngumsebenzi ophezulu nelungelo elixabisekileyo lomvangeli wonyango. Ukulungiselela ngobuqu kukholisa ukuyilungisa indlela yoku. UThixo ukholisa ukufikelela kwiintliziyo ngamalinge wethu okukhulula ukubulaleka komzimba.UL 102.1

    Umsebenzi wovangelo lonyango ungumsebenzi onguvulindlela weendaba ezilungileyo. Kulungiselelo lwelizwi nakumsebenzi wovangelo lonyango, kufuneka kushunyayelwe kusetyenzwe.UL 102.2

    Phantsi kuyo yonke imiphakathi kukho amanani amakhulu abantu abangakuphulaphuliyo ukushunyayelwa kwelizwi likaThixo, okanye abangayiyo enkonzweni. Ukuze bafikelelwe ngeendaba ezilungileyo kufuneka zisiwe emakhayeni abo. Kuqhelekile ukuba, ukukhululwa kwizidingo zomzimba kube kuphela kwendlela abanokufikelelwa ngayo. Abongikazi abangabavangeli abakhathalela abagulayo, badambise noxinzelelo kwabangamahlwempu bayawafumana amathuba amaninzi okuthandaza kunye nabo, babafundele elizwini likaThixo, bathethe nabo ngoMsindisi. Banako ukuthandaza kunye nabo, bekwabathandazela abo bangenako ukuzinceda, abangenawo amandla engqondo okulawula ukuthanda kwabo izinto okuthe, ngenxa yokutshiseka oko atsho adodobala amandla lawo. Banako ukuzisa umtha wethemba ebomini baboyisiweyo nabaphelelwe lithemba. Uthando lwabo olungasekeleze nzuzo, olubonakalaliswa ngezenzo zobomi obungenamkhethe, luya kwenza ukuba kube lula kakhulu kwaba bagulayo ukukholelwa eluthandweni lukaKristu.UL 102.3

    Abaninzi abakholelwa kuThixo baye bephulukene nokuthemba umntu. Noko kunjalo, bayazithanda izenzo zovelwano nokunceda. Bathi xa bembona omnye, engenyanzelwa kukufuna ukunconywa kwasemhlabeni, okanye imbuyekezo, esiza emakhayeni abo, elungiselela kwabagulayo, esondla abalambileyo, esambesa abahamba ze, ethuthuzela abalusizi, ngothando ebakhombisa bonke kuLowo, othando lwaKhe nemfesane yaKhe, angumthunywa waKhe lo msebenzi ungumntu—bathi xa bebona oku, iintliziyo zabo zichukumiseke. Uyaphuphuma umbulelo. Luyantumekeka ukholo. Bayabona ukuba uThixo uyabakhathalela, baze bakulungele ukuphulaphula xa ilizwi laKhe lityhilwa.UL 102.4

    Nokuba kukuvangelo lwakude kumazwe angaphandle okanye entsimini yasekhaya, bonke abavangeli, amadoda kwanabafazi, baya kuzuza ngokulula ukungena bafikelele kubantu, baze bakufumane ukuba luncedo kwabo kwande kakhulu, xa bekwazi ukulungiselela kwabagulayo. Abafazi abaya kuba ngabavangeli kumazwe angazi nto ngoThixo banako ukufumana ithuba lokunika iindaba ezilungileyo kubafazi bala mazwe, ngexesha wonke omnye umnyango wokungena uvaliwe. Bonke abasebenzi beendaba ezilungileyo bamele ukuyazi indlela yokunika unyango olulula olwenza okukhulu kakhulu ukukhulula intlungu nokususa isifo.UL 103.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents