Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Imithetho-siseko Yoshishino

    Ilizwi likaThixo aliwuvumeli umgaqo otyebisa olunye udidi ngokucinezelwa nokubulaleka kolunye. Kuko konke esikwenzayo kushishino lwethu, lisifundisa ukuba singaneli ukukhangela kwezethu izinto kuphela, kodwa nakwizinto zabanye. Onga angathabatha ithuba lokwanelisa umna, okanye ofuna ingeniselo ngobudenge okanye ngokuswela ukwazi, ungumgqithi wako kokubini—umthetho-siseko kunye nemiyalelo yelizwi likaThixo.UL 139.1

    “Uze ungasijiki isigwebo sowasemzini nesenkedama; ungayenzi isibambiso ingubo yomhlolokazi.” “Xa uthe wamboleka ummelwane wakho nokuba yintoni ebolekwayo, uze ungangeni endlwini yakhe, uye kuthabatha isibambiso kuye. Uze ume ngaphandle, ithi loo ndoda uyibolekayo iphume, isizise kuwe isibambiso eso.Ukuba Indoda ithe yaba iswele, uze ungalali unesibambiso sayo.” “Ukuba ummelwane wakho ubambise ngengubo yakhe kuwe, woyibuyisela kuye, lingekatshoni ilanga; kuba yona ikukuphela kwesigubungelo anaso; . . . wolala ngantoni ke? Kothi, xa athe wakhala kum, ndive;kuba ndinenceba.” “Xa nithe nathengisa ngento ethengisayo kummelwane wenu, naxa uthe wathenga esandleni sommelwane wakho, musani ukubandezelana.” Duteronomi 24:17, 10-12; Eksodus 22:26, 27; Levitikus 25:14.UL 139.2

    “Ize ningenzi bugqwetha ekugwebeni nasekulinganiseni ubude, nobunzima, nokuzala kwento.” “Uze ungabi namatye ngamatye okulinganisa engxoweni yakho, amakhulu namancinane. Uze ungabi nee-efa ngee-efa endlwini yakho, enkulu nencinane.” “Noba nezikali zobulungisa, ne-efa yobulungisa, nehin yobulungisa.” Levitikus 19:35; Duteronomi 25:13, 14; Levitikus 19:36.UL 139.3

    “Mphe lowo ucelayo, nalowo ufuna ukuboleka kuwe ungamnikeli umva.” “Uyaboleka ongendawo, angabuyisi; ke lona ilungisa liyababala, liphe.”UL 139.4

    “Siphe iqhinga, yahlula; misa isithunzi sakho sibe njengobusuku emini enkulu; fihla abagxothiweyo, musa ukumncetheza obhadubhadulayo.” “Mabaphambukele kuwe abagxothiweyo bam; ube lisithe . . . phambi kombhuqi.” Isaya 16:3, 4.UL 140.1

    Icebo lobomi uThixo awalinika uIsrayeli lalijonge ukuba sisifundo sokwenziwa lulo lonke uluntu. Ukuba le mithetho-siseko ibisenziwa namhlanje, hayi, indlela ebeliya kwahluka ngayo eli lizwe!UL 140.2

    Ngaphakathi kwemida ebanzi yendalo, lisekho igumbi lababulalekayo nabanentswelo ukuba bafumane ikhaya. Esifubeni sayo zikho izixhobo ezaneleyo ukubanika ukutya. Kufihlwe kwiinzulu zomhlaba iintsikelelo zabo bonke abaqinileyo nengqondo nokunyamezela ukuba bayiqokelele indyebo yawo.UL 140.3

    Ukulinywa komhlaba, umsebenzi uThixo awawubekela umntu e-Eden, kuvula intsimi ekukho kuyo ithuba lokuba iinkulunkwane zizuze into kuyo.UL 140.4

    ldquo;Kholosa ngoYehova wenze okulungileyo;
    Lime ilizwe, landelane nokuthembeka.”
    UL 140.5

    INdumiso 37:3.

    Amawaka namashumi amawaka anako ukuwusebenza umhlaba afumbe ezixekweni ukuba azuze into engekhoyo. Kwiimeko ezininzi, le nto incinane ayichithelwa nesonka, kodwa ibuyiselwa kwingxowa yomthengisi wotywala, ukuba kuzuzwe into etshabalalisa umphefumlo nomzimba.UL 140.6

    Abaninzi bawubona umsebenzi uyindinisa, baze bazame ukuzuza ukuphila ngokuceba kunokuba kube ngomsebenzi onyanisekileyo. Lo mnqweno wokuzuza ukuphila ngaphandle kokusebenza uvulela ucango intlupheko nenkohlakalo phantse ezingenawo umda.UL 140.7

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents