Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Amachiza Aqhelekileyo

    Xa ukuphathwa kakubi kwempilo kuqhutywe kwada kwaneziphumo ezikukugula, ogulayo unako ukuzenzela oko kungekho bani onokumenzela. Into yokuqala ekufuneka yenziwe kukuqinisekisa olona hlobo lwesifo aze asebenze ngenkuthalo ukususa imbangi yaso. Ukuba ukusebenza kakuhle kolwakhiwo kuthe akwazinza ngenxa yokugqithisa ukusebenza, ukutya kakhulu, okanye okunye ukungenzi kakuhle, musa ukuzama ukulungelelanisa iinzima ngokongeza umthwalo wamayeza ayingozi.UL 181.1

    Ukutya ngokungenabungcathu kukholisa ukuba sisizathu sokugula, kwaye okudingwa kakhulu yindalo kukukhululwa kumthwalo ongafunekiyo othe wabekwa phezu kwayo. Kwiimeko ezininzi zokugula, elona chiza lilungileyo lelokuba umguli azile isidlo nokuba zibini, ukuze amalungu okusila asetyenziswe kakhulu akhe afumane ithuba lokuphumla. Isondlo sesiqhamo okweentsuku ezimbalwa kukholisa ukuzisa ukukhululeka okukhulu kubasebenzi bengqondo. Amaxesha amaninzi ixesha elifutshane lokungathabathi kutya ngokupheleleyo, lilandelwa kukutya okulula nangokungangxamiyo, likhokelela ekuphileni ngelinge lokuziphilisa kwendalo ngokwayo. Isondlo sokuzikhwebula isithuba senyanga okanye ezimbini singaboyisela abaninzi abagulayo ekuthini indlela yokuzilandula yindlela eya empilweni.UL 181.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents