Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    30—Ukukhethwa Nokulungiswa Kwekhaya

    Igospile ingumenzi lula okanye khaphu-khaphu iingxaki zobomi ngendlela engummangaliso. Iimfundiso zayo, xa zithotyelwe, zicacisa izinto ezininzi ezididayo zize zisisindise kwiimpazamo ezininzi. Isifundisa ukuba siqikelele izinto ngokwexabiso lazo elililo nokuba siwenze owona mzamo mkhulu kwizinto ezinexabiso elikhulu—izinto eziya kuma nanini. Isifundo esidingekayo kwabo ekulele phezu kwabo uxanduva lokukhetha ikhaya. Kufuneka ukuba bangazivumeli ukuba bajikwe kweyona njongo iphakame kakhulu. Mabakhumbule ukuba ikhaya lasemhlabeni kufuneka libe ngumfuziselo nolungiselelo lwekhaya elisezulwini. Ubomi busisikolo soqeqesho, ekufuneka kuphume kuso abantwana abaqeqeshwe bagqitywa ukuya kwisikolo sangaphezulu kwizindlu zikaThixo. Xa kufunwa indawo yekhaya, kufuneka le njongo ibe yiyo ekhokela ukuyinyula. Makungaze kulawule ukunqwenela ubutyebi, ukulawula kwefashoni, okanye amasiko asekuhlaleni. Qaphela ukuba kokuphi okuya kuqhubela kokona kulula, kunyulu, kunempilo nokunexabiso elililo.UL 285.1

    Kwilizwe lonke, izixeko ziba ngumhlaba ovundiselwe ukukhulisa ububi. Kumacala wonke, yimibono nezandi zobubi. Kuyo yonke indawo izinto ziqhiphul’ umbilini, zikholise inyama, zikhuthaze nokurheletya. Umsinga womonakalo nolwaphulo lomthetho unyuka ungayeki. Imini nganye izisa ingxelo yenkohlakalo—abaqhekezi, ababulali, abazibulalayo, nolwaphulo lomthetho olungenako nokukhankanywa.UL 285.2

    Ubomi ezixekweni buphilwa ngamaqhinga nenkohliso. Inkanuko enzima yokufunwa kwemali, isizunguzane sokufuna ukuthabatheka nolonwabo, ukunxanelwa ukuzibonisa okanye ukuqhayisa, ubuyokoyoko nokuthsafaza, konke kuyimikhosi ethi, kwinginginya zabantu, izijike iingqondo kwinjongo ephilileyo yobomi. Ezi zinto zivulela ucango inyambalala yokubi. Phezu kolutsha, zinegunya ekunzima ukumelana nalo.UL 285.3

    Esinye sezona zihendo zirhubuluzayo neziyingozi esihlasela abantwana nolutsha ezixekweni kukuthandwa kweziyolo. Iiholide zininzi; imidlalo nemidyarho yamahashe zitsala amawaka, ukujikeleza okanye isizunguzane sokuthabatheka neziyolo zibatsalela kude kwimisebenzi yobomi esezingqondweni. Imali engeyayimele ukugcinelwa ukusetyenziswa ngendlela eyiyo ichithelwa eziyolweni.UL 286.1

    Ngokusebenza kwiindawo ezixhasayo, neziphumo zemibutho yabasebenzi kunye noqhankqalazo, iimeko zobomi esixekweni ziya zibanzima ngakumbi nangakumbi. Iinkathazo ezinkulu ziphambi kwethu; kwaye kwiintsapho ezininzi ukumka ezixekweni kuya kunyanzeleka.UL 286.2

    Iindawo ekuhlalwa kuzo ezixekweni zikholisa ukuba nengozi ngasempilweni. Obunye ububi ekuhlanganwa nabo kuquka ixhala lokusoloko kujongenwe nokufumana isifo, ukuxhaphaka komoya onukayo, amanzi angacocekanga, ukutya okungalunganga, iindawo ekuhlalwa kuzo ezixineneyo, ezimnyama nezingayikhuthaziyo impilo.UL 286.3

    Yayingeyiyo injongo kaThixo ukuba abantu baxinane ezixekweni, bafunjwe ndawonye kwizindlu eziphakamileyo zengqesho ezizele ngabantu. Wababeka abazali bethu basekuqalekeni phakathi kwemibono nezandi ezihle anqwenela ukuba nathi sizonwabele namhlanje. Okona sihambelana kakuhle necebo lokuqala likaThixo, kokona iya kusivumela kakhulu imeko yethu ukuba sibe nempilo yomzimba, nengqondo, nomphefumlo.UL 286.4

    Indlu yexabiso, iifenishala ezintle kakhulu, ukuboniswa kobuhle, ubuyokoyoko, nokungaxakeki, akuzisi iimeko ezifunekayo kubomi obonwabileyo nobululutho. UYesu weza kulo mhlaba ukuba enze owona msebenzi mkhulu owakha wenziwa phakathi kwabantu. Weza engummeli kaThixo, ukuba asibonise indlela yokuphila khon’ ukuze sizuze ezona ziphumo zilungileyo zobomi. Zazithini iimeko ezanyulelwa uNyana nguBawo ongunaphakade? Ikhaya elisecaleni kwiinduli zaseGalili; intsapho exhaswa ngomsebenzi othembekileyo nohloniphekileyo; ubomi obukhethekileyo, ukujongana yonke imihla nobunzima nokubulaleka; ukusebenza ngokuzinikela, uqoqosho, nokunyamezela, nangokonwaba; ixesha lokufunda ecaleni kukanina, kuvulwe incwadi esongwayo yeziBhalo; ixesha lomsobomvu elizolileyo okanye ubuhle bexa limpondo-zankomo kwintili eluhlaza; ulungiselelo olungcwele lwendalo; ukuthetha noThixo—ezi ziimeko namathuba obomi basekuqaleni bukaYesu.UL 286.5

    Kwakunjalo kuninzi lwamadoda awayengawona alungileyo nanesidima kuzo zonke izizukulwana. Funda imbali ka-Abraham, kaYakobi, nekaYosefu; imbali kaMoses, uDavide, noEliya. Funda ngobomi bamadoda amaxesha amva awabamba ngokufanelekileyo izikhundla zokuthenjwa noxanduva, amadoda ampembelelo yawo eyaba negalelo ekuphakamiseni ihlabathi.UL 287.1

    Mangaphi kula madoda awakhulela kumakhaya asemaphandleni? Ayesazi kancinane ngobunewunewu. Awazange abuchithele elonwabeni ubutsha bawo. Mangaphi awanyanzeleka ukuba alwe nentlupheko nobunzima? Awufunda eselula umsebenzi, baza ubomi bawo bokusebenza phandle kwawanika udlamo nokukhululeka kuzo zonke iziphiwo zengqondo. Ngokunyanzeleka ukuba axhomekeke kumandla awo, akufunda ukulwa iinzima nokuqabela ngaphaya kwemiqobo, aza azuza amandla nokukwazi ukuba nenzondelelo. Afunda izifundo zokuxhomekeka kwakuwo kwanokuzilawula. Kuba ekhuselekile kakhulu kubuqabane obungalunganga, aneliswa ziziyolo zendalo nobuqabane obakhayo. Ayengabantu abalula ngokwelithe, enobungcathu ngokwemikhwa yawo. Ayelawulwa ngumthetho-siseko, aza akhula ecocekile, omelele, enyanisekile. Athi akubizelwa emsebenzini wokuphila kwawo, azisa kuwo amandla omzimba nawengqondo, ubukhaphu-khaphu bomoya, isakhono sokuceba nokwenza, nokuma aqine ekulweni nobubi, izinto ezenza ukuba abe namandla amahle okwenza okulungileyo emhlabeni.UL 287.2

    Okulunge ngaphezu kwalo lonke ilifa eningalinika abantwana benu, iya kuba sisipho somzimba osempilweni, ingqondo ephilileyo, kunye nesimilo esinendili. Abo bakuqondayo okuhlanganisiweyo ukuze kubekho impumelelo eyinyaniso, baya kuhlakanipha kwangexesha. Baya kuhlala bekhangele kwez ona zinto zilungileyo zobomi xa benyula indawo yekhaya.UL 287.3

    Kunokuhlala apho ikuphela kwemisebenzi yabantu enokubonwa,apho izinto ezibukwayo nezandi eziviwayo zinika iingcinga zobubi, apho isiphithiphithi nempixano zizisa ukudinwa nokunxunguphala, yiya apho unokubona rhoqo imisebenzi kaThixo. Fumana ukuphumla kwasemoyeni kubuhle nakwinzolo noxolo lwendalo. Amehlo mawahlale kumathafa aluhlaza, kwizixhobo, neenduli. Khangela kwisibhakabhaka esiluhlaza, esingasithwanga luthuli lwesixeko nomsi waso, uphefumle umoya ohlaziyayo wezulu. Yiya, kungekho zinto ziphazamisayo nezichitha-chithayo zobomi besixeko, apho unokukwazi ukuba liqabane nabantwana bakho, apho unokubafundisa ukukwazi ukufunda ngoThixo ngemisebenzi yaKhe, nokubaqeqeshela ubomi bentembeko nokuba lutho.UL 288.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents