Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Izidaniso; Iingozi

    Abo basebenzela abawileyo baya kudaniswa kwabaninzi abanika isithembiso sokuguquka [sokuhlaziyeka]. Abaninzi baya kwenza nje utshintsho lwangaphandle kwimikhwa nezenzo zabo. Bava nje umfutho, bathi okwexeshana babe ngathi baguqqukile; kodwa akukho kuguquka kukuko kwentliziyo. Basaqhubeka nokuya kuzithana kunye, nokwakulambela kunye kweziyolo zobudenge, umnqweno omnye wokuzeyelisela. Abanalo ulwazi lomsebenzi wokwakhiwa kwesimilo, baye kungenako uxhonyekekwa kubo njengabantu abanomqolo. Bawalahlela phantsi amandla abo engqondo nawomoya ngokwanezisa ilithe nenkanuko, nto leyo ebenza babe buthakathaka; amadlophatyapha, abalala bephethuka. Ukutshiseka kwabo kubatyhalela embulweni. Aba bantu bakholisa ukuba lithende lengozi kwabanye. Kuba babonwa njengamadoda nabafazi abatshintshileyo, banikwa imithwalo babekwe kwindawo apho impembelelo yabo yonakalisa abamsulwa.UL 130.2

    Kanti ke nabo bazama ngokwenene ukubuyisa unyawo abakho ngaphesheya kwingozi yokuwa. Badinga ukuphathwa ngobulumko obukhulu kunye nothando. Ukuba sesichengeni sokukhohliswa nokuphakanyiswa kwabo bebe hlangulwe kwezona nzulu zisezantsi ngamanye amaxesha kuba yitshabalalo. Isenzo sokumema amadoda nabafazi ukuba babalise esidlangalaleni amava obomi babo besono sizele yingozi kubo bonke—kothethayo nakwabaphulaphuleyo. Ukuhlala kwimiboniso yobubi konakalisa ingqondo nomphefumlo. Ukubaluleka okunikwa abo bahlangulweyo kuyingozi kwakubo. Baninzi abenziwa bave ukuba ubomi babo besono bubanike ukubaluleka okuthile. Ukuthanda ubukrelemnqa nomoya wokuzithemba kuyakhuthazwa, nto leyo ethi ibe yingozi ebulalayo emphefumlweni. Kuphela kusekungazithembini nasekuxhomekekeni kwinceba kaKristu okunokwenza bakwazi ukuma.UL 130.3

    Bonke abanika ubungqina benguquko yenene kufunekwa bakhuthazwe ukuba basebenzele abanye. Makungabikho bani ugxotha umphefumlo osiya ukusebenzela uSathana kuba efuna ukusebenzela uKristu. Xa lowo enika ubungqina bokuba uMoya kaThixo uncedisana naye edabini, makanikwe yonke inkuthazo yokuba angene emsebenzini weNkosi. “Inxenye okunene yenzeleni inceba, nicalula.” Yuda 22.UL 131.1

    Abo balumkileyo ngobulumko obuvela kuThixo baya kuyibona imiphefumlo edinga uncedo, leyo eguquke ngokwenene, kodwa ethi, ngaphandle kwekuthazo, ingakwazi ukuba ukuba nentliziyo yokubambelela ethembeni. INkosi iya kubeka ezintliziyweni zabakhonzi baYo ukukwazi ukwamkelela aba bangcangcazelayo beguquka kubudlelane babo bothando. Nokuba zibe zinjani ziyintoni izono ezibe zibaphazamisa, nokuba bebewe phantsi kangakanani, xa betyumka intliziyo besiza kuKristu, uyabamkela. Mabanikwe, ke ngoko, into yokuba bamenzele. Ukuba balangazelela ukuba ngabasebenza ukuphakamisa abanye kumhadi wentshabalalo ababekuwo bahlangulwa kuwo nabo, mabalinikwe ithuba. Mabahlanganiswe namaKristu anamava, ukuze bakwazi ukuzuza amandla kamoya. Mazizaliswe iintlizyo nezandla zabo ngomsebenzi weNkosi.UL 131.2

    Xa ukukhanya kuthe kwafika emphefumlweni, abanye ababonakala bezinikele ngokupheleleyo esonweni baya kuba ngabayisebenzela ngempumelelo imiphefumlo efana nokuba nabo babenjalo. Ngokukokholwa kuKristu, abanye baya kunyukela kwiindawo eziphezulu emsebenzini babe nokunikwa imithwalo emsebenzini wokusindisa imiphefumlo. Bayabona apho obabo ubuthakathaka bulele khona, bayayuqonda ububi beyabo indalo. Bayawazi amandla esono, amandla omkhwa ombi. Baya kuqonda ukungakwazi ukoyisa ngaphandle koncedo lukaKristu, baze babe nesikhalo esizingisileyo, “Nkosi, ndilahlela kuwe umphefumlo wam ongenako ukuzinceda.”UL 131.3

    Aba banako ukubanceda abanye. Owayehendiwe walingwa, othemba lakhe lalikufuphi ukuba limke, kodwa wasindiswa ngokuva isigidimi sothando, unako ukuyiqonda isayensi yokudisinda umphefumlo. Lowo ontliziyo yakhe izaliswe kukumthanda uKristu kuba yena ngokwakhe ebezingelwe nguMsindisi wabuyiselwa emhlambini, uyakwazi ukufuna abalahlekileyo. Unako ukubalathisa aboni kwiMvana kaThixo. Uzinikele kuThixo ngokupheleleyo engagodle nto ayishiyayo, kwaye wamkelekile kOyintanda. Isandla esithe, ekuphelelweni ngamandla, solulwa ukuba sifumane uncedo, siye sabanjwa. Ngolungiselelo lwabanjalo, baninzi [oonyana] abalahlekileyo abanokubuyiselwa kuBawo.UL 132.1

    Kuwo wonke umphefumlo ozamana nokuvuka kubomi besono uze ebomini bobunyulu, isiqalo esikhulu samandla sihleli kuphela kwelo ikuphela kwalo “igama phantsi kwezulu linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo.” IZenzo 4:12. “Ukuba kukho othi anxanwe,” efuna ithemba elinokuphumla, ukuhlangulwa ekuthambekeleni esonweni, uKristu uthi, “makeze kum asele.” Yohane 7:37. Iyeza [okanye umathunga] ekuphela kwalo ukulwa inkohlakalo [lesono] lubabalo namandla kaKristu.UL 132.2

    Izigqibo ezihle azenze ngamandla wakhe umntu azincedi lutho. Asizizo zonke izibhambathiso emhlabeni eziya kuwaphula amandla omkhwa ombi. Abasokuze abantu baphile ngobungcathu kuzo zonke zide iintliziyo zabo zenziwe zibentsha ngobabalo lwezulu. Asinakuze sizigcine kude nesono nokuba ngumzuzu omnye. Wonke umzuzu, sixhomekeke kuThixo.UL 132.3

    Uhlaziyo lwenene luqala ngokuhlanjululwa komphefumlo. Umsebenzi wethu kwabawileyo uya kuba nempumelelo eyiyo kuphela xa ubabalo lukaKristu lusimilisa ngokutsha isimilo uze umphefumlo uziswe kuqhagamshelano oluphilileyo noThixo.UL 132.4

    UKristu waphila ubomi bokuwuthobela okugqibeleleyo umthetho kaThixo, waba ngokwenza oku umisa umzekelo kulo lonke uluntu. Ubomi awabuphilayo kulo mhlaba kufuneka sibuphile ngamandla waKhe nangaphantsi kwemfundiso yaKhe.UL 133.1

    Ekusebenzeleni kwethu abawileyo, amabango omthetho kaThixo nesidingo sokunyaniseka kuYe kufuneka zibe zizinto ezibethelelwa engqondweni nasentliziyweni. Masingaze sisilele ukubonisa ukuba kukho umahluko omkhulu phakathi komkhonzayo uThixo nalowo ungamkhonziyo. UThixo uluthando, kodwa akanako ukumxolela othi, ngenkani, angayikhathaleli imiyalelo yaKhe. Imimiselo yolawulo lwaKhe yenziwe ngendlela yokuba umntu angasindi kwiziphumo zokunganyaniseki. Kuphela ngabo bamzukisayo anokubazukisa. Ukuziphatha komntu kweli hlabathi kwenza isigqibo ngesiphelo sakhe sikanaphakade. Njengoko ahlwayeleyo, emele ukuvuna kwangokunjalo. Isizathu siya kulandelwa sisiphumo.UL 133.2

    Ayikho into engaphantsi kokuthobela okugqibeleleyo enokufikelela kumgangatho wokufunwa nguThixo. Akakushiyanga akufunayo kungacacanga. Akamiselanga nto ingafunekiyo ukuba imzise umntu ekuvumelaneni naYe. Kufuneka sibalathise aboni kumgomo waKhe awubekileyo wesimilo, nokuba sibakhokelele kuKristu, ekungobabalo lwaKhe kuphela onokuthi lo mgomo ufikelelwe.UL 133.3

    UMsindisi wathabathela kuYe ubuthakathaka boluntu waphila ubomi obungenasono, ukuze abantu bangoyiki kuba besithi, ngenxa yobuthakathaka bendalo yomntu, babengenako ukoyisa. UKristu weza kusenza “amadlelane endalo yobuThixo,” baza ubomi baKhe bavakalisa ukuba ubuntu buhlangene nobuThixo, abusenzi isono.UL 133.4

    UMsindisi woyisa ukuze ambonise umntu indlela yokoyisa. Zonke izihendo zikaSathana uKristu waqubisana nazo ngelizwi likaThixo. ngokuthembela kwizithembiso zikaThixo, wazuza amandla okuyithobela imithetho kaThixo, waza umlingi akakwazi ukufumana ithuba elihle. Kuso sonke isihendo, impendulo yaKhe yathi, “Kubhaliwe.” Ngoko ke uThixo usinike ilizwi laKhe esithi ngalo simelane nobubi. Amadinga amakhulukazi anqabileyo, ngawethu, ukuze ngawo “sibe “ngamadlelane ngemvelo yobuThixo, sisinde ekonakaleni okukhoyo ehlabathini ngenkanuko.” 2 Petros 1:4.UL 133.5

    Myalele ohendiweyo ukuba angakhangeli kwiimeko, ekusweleni kwakhe amandla, okanye kumandla esihendo, kodwa kumandla elizwi likaThixo. Konke ukomelela kwalo kokwethu. “Ndiyibeke intetho yakho,” uthi umdumisi, “entliziyweni yam, ukuze ndingoni kuwe.” “Ngelizwi lomlomo wakho,” “mna ndizigcinile, andangena kwiindlela zamanyangaza.” INdumiso 119:11; 17:4.UL 134.1

    Thetha isibindi ebentwini; baphakamisele kuThixo ngomthandazo. Abaninzi ababoyisiye sisihendo bathotylwe phantsi kukusilela kwabo, baza baziva ukuba kulilize ukuba baze kuThixo; kodkwa le ngcinga licebiso lotshaba. Bakuba bonile, baziva ukuba abakwazi nokuthandaza, baxelele ukuba kungelo xesha kanye ekufuneka bathandaze. Basenokuba neentloni, bethobeke ngokunzulu; kodwa xa bezivuma izono zabo, Lowo uthembekileyo nolilungisa woxolela izono zabo, abahlambulule kuko konke ukungalungisi kwabo.UL 134.2

    Ayikho into ebonakala ingenako ukuzinceda, ukanti ngokwenene ayoyiswa nto, njengomphefumlo oziva ungento othi uxhomekeke ngokupheleleyo kubuhle boMsindisi. Ngomthandazo, ngokufunda ilizwi laKhe, ngokukholelwa kubukho baKhe obuhlala buhleli, oyena ungenawo amandla kuluntu angaala emanyene noKristu ophilileyo, waye [uKristu] eya kumbamba ngesandla esingasayi kuze simyeke.UL 134.3

    La mazwi axabisekileyo, wonke umpefumlo ohleli kuKristu unako ukuwenza awakhe. Ungako ukuthi:UL 134.4

    “Mna ke ndiya kuqwalasela kuYehova;
    Ndiya kulindela kuThixo wokusindiswa kwam;
    UYa kundiva uThixo wam.
    Musa ukundivuyelela, lutshaba lwam;
    Kuba, ndiwile nje, ndiya kubuya ndivuke;
    Kuba, ndihleli emnyameni nje,
    UYehova uya kuba kukukhanya kum.”
    UL 134.5

    Mika 7:7, 8.

    “Wobuya abe nemfesane kuthi,
    Abunyathelele phantsi bugwenxa bethu;
    Woziphosa ezinzulwini zolwandle zonke izono zethu!”
    UL 134.6

    Indima 19.

    UThixo uthembisile:UL 135.1

    “Ndiwenze amadoda anqabe
    ngaphezu kwegolide engcwengiweyo,
    Noluntu lunqabe ngaphezu kwegolide
    ecikizekileyo yakwaOfire.”
    UL 135.2

    Isaya 13:12.

    “Nakulala phantsi phakathi kweentlanti
    Noxelisa amaphiko evukuthu alekwe ngesilivere,
    Neentsiba zalo ezalekwe ngegolide ebengezelayo.”
    UL 135.3

    Indumiso 68:13.

    Abo uKristu abaxolele kakhulu baya kumthanda kakhulu. Aba ngabo abathi ngemini yokugqibela bame kufuphi netrone yaKhe.UL 135.4

    “[Baya kububona] ubuso baKhe; igama lakhe libe semabunzini abo.” IsiTyhilelo 22:4.UL 135.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents