Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    29—Abakhi Bekhaya

    Lowo wanikela uEva kuAdam ukuba abe ngumncedi wakhe, wenza ummangaliso wokuqala ethekweni lomtshato. Kwiholo yetheko, apho kwakukho abahlobo nezizalwana bonke bonwabile kunye, uKristu waluqala khona ulungiselelo lwaKhe lwasesidlangalaleni. Ngaloo ndlela waba uyawungcwalisa umtshato, ewuvuma ukuba usisimiso yena ngokwaKhe awasimiselayo. Wavumela ukuba amadoda nabafazi bamanywe kumtshato ongcwele, nokuba bakhulise iintsapho ezimalungu wazo, enikwe imbeko, akufanele ukubalwa njengamalungu osapho lwasezulwini.UL 279.1

    UKristu waluzukisa ulwalamano lomtshato ngokuwenza ukuba ube nguwo nomfuziselo womanyano phakathi kwaKhe nabaKhe abo bahlangulweyo. Yena ngokwaKhe unguMyeni; umtshakazi libandla, athi ngalo, njengalinyulileyo, “Uyinzwakazi kwaphela, wethu. Akukho siphako kuwe.” Ingoma Yazo Iingoma 4:7.UL 279.2

    UKristu “walithanda ibandla, wazinikela ngenxa yalo; . . . [ukuze libe libandla] elingenabala, elingenamibimbi.” “Ngoko amelwe amadoda ukubathanda abawo abafazi.” Efese 5:25-28.UL 279.3

    Iqhina losapho lelona liqine kakhulu, nelona liethe-ethe nelingcwele, kunawo wonke amanye emhlabeni. Lathi lalungiselelwa ukuba libe yintsikelelo kuluntu lonke. Kanti ke, liyintsikelelo naphina apho kungenwa khona kumnqophiso womtshato ngobulumko, nokoyikwa kukaThixo, nangokuqaphela nokuhlonela umthwalo wawo.UL 279.4

    Abo bacamngca ngokutshata kufuneka baqaphele ukuba siya kuba yintoni isimilo nempembelelo zekhaya abalisekayo. Xa besiba ngabazali, banikwe uxanduva olungcwele. Kubo kuxhomekeka kakhulukazi ubuntu babantwana babo kulo mhlaba, nolonwabo lwabo kwilizwe elizayo. Kuphezu kwabo ngendlela emangalisayo ukwenziwa kwesigqibo sophawu lomzimba nokuziphatha oluya kwamkelwa ngabo bancinane babo. Ngoko ke, kuxhomekeke kwisimilo sekhaya imeko yasekuhlaleni; ubunzima bempembelelo yekhaya ngalinye ixela ukunyuka okanye ukuhla kwezinga.UL 279.5

    Ukunyula iqabane lobomi kufuneka kufanele kakhulu ukulungela ukuba kuze kuzuzwe okona kulungileyo emzimbeni, engqondweni, nasemoyeni kubazali nakubantwana babo—ngendlela eya kwenza ukuba abazali nabantwana kunye nabanye abantu basikeleleke baze bamzukise uMdali wabo.UL 280.1

    Phambi kokuba kuqaliswe uxanduva oluquka umtshato, amadodana neentombi kufuneka babe namava ngobomi obuphilwayo anokuthi abalungisele imisebenzi yawo umtshato nemithwalo yawo. Akukuhle ukuba ikhuthazwe imitshato yabatsha kakhulu. Ulwalamano olubaluleke njengomtshato nolumpembelelo efikelela kude ngeziphumo zayo akufuneki kungenwe kulo ngokungxama, kungakhange kubekho ukulungiswa okwaneleyo, nangaphambi kokuba amandla engqondo nomzimba aphuhle ngokwaneleyo.UL 280.2

    Bona abo bafuna ukuzimanya basenokungabi nabo ubutyebi basemhlabeni, kodwa bafanele ukuba babe nayo intsikelelo enkulu kakhulu yempilo. Kwiimeko ezininzi kakhulu, akuye kufuneke ukuba kubekho umsantsa omkhulu ngokobudala. Ukutyeshela lo umgaqo kunako ukuba nesiphumo sokuphazanyiswa kwempilo yalo umncinane. Kuye kukholise ngokuthi abantwana bahluthwe amandla engqondo nomzimba. Abakwazi ukuzuza kumzali ogugileyo inkathalo nobuqabane obufuneka kubomi babo obusebutsha, baze bahluthwe kukufa utata okanye umama ngexesha kanye uthando nenkokelo zidingeka kakhulu.UL 280.3

    KukuKristu kuphela ekuthi umanyano lomtshato lwenziwe ngokukhuselekileyo. Uthando lomntu kufuneka lufumane amaqhina aqinileyo kuthando lukaThixo. Kuphela apho uKristu alawula khona ekunokubakho uthando olunzulu, oluyinyaniso, nolungajonge kwisiqu salo.UL 280.4

    Uthando lusisipho esixabisekileyo, esisifumana kuYesu. Uthando olunyulu nolungcwele aluyiyo intshiseko nje ayivayo umntu, koko lungumthetho—siseko. Abo baqhutywa luthando lwenene abaye bangasebenzisi ngqondo okanye babe zimfama. Ngokufundiswa nguMoya Oyingcwele, bathanda uThixo ukudlula konke, kunye nabamelwane babo njengoko bezithanda.UL 280.5

    Abo bacamngca ngokutshata, mabayivavanye yonke intshiseko, bakuqaphele konke ukuphuhla kwesimilo kulowo omnye acinga ukumanya naye isiphelo sobomi bakhe. Inyathelo ngalinye elisinga kumanyano lomtshato maluphawulwe sisidima, ukufikeleleka, ukunyaniseka, nenjongo enyanisekileyo yokukholisa nokuzukisa uThixo. Umtshato uchukumisa ubomi obulandelayo kulo mhlaba nakumhlaba ozayo. UmKristu onyaniskileyo akayi kuwenza amacebo angenako ukwamkeleka kuThixo.UL 281.1

    Ukuba uThixo unisikelele ngabazali abamoyikayo uThixo, funani iingcebiso zabo. Yandlalani phambi kwabo amabhongo namacebo eninawo, nifunde izifundo ezafundiswa ubomi babo ngamava, niya kusinda kwiinkathazo ezininzi. Ngaphezu kwako konke, menzeni uKristu umcebisi wenu. Lifundeni ilizwi laKhe ninomthandazo.UL 281.2

    Phantsi kwenkokelo enjalo, intwazana mayamkele njengeqabane lobomi bayo kuphela lowo unesimilo esibonakala sinyulu, sineempawu zokuba yindoda, okhutheleyo, onenjongo ebomini, nonyanisekileyo, omthandayo nomoyikayo uThixo. Umfana yena makafune oya kuma ecaleni lakhe ofanele ukusithwala esakhe isabelo semithwalo yobomi, ompembelelo yakhe iya kumphakamisa imenze achubeke, noya kumenza onwabe eluthandweni lwakhe.UL 281.3

    “Umfazi onengqondo uvela kuYehova.” “Ikholose ngaye intliziyo yendoda yakhe. . . . Uyiphatha kakuhle, kungabi kakubi, yonke imihla yobomi bakhe.” “Umlomo wakhe uwuvula ngobulumko; umyalelo onenceba uselulwimini lwakhe. Uyayondela ihambo yendlu yakhe, angasidli isonka sobuvila. Bayasuka oonyana bakhe, bathi unoyolo; iyasuka indoda yakhe imdumise; ithi, Zininzi iintombi ezenza ngokunesidima; ke wena uzidlule zonke ziphela.” Othe wafumana umfazi onjalo, “ufumene okulungileyo; uzuze okulikholo kuYehova.” IMizekeliso 19:14; 31:11, 12, 26-29; 18:22.UL 281.4

    Akukhathaliseki nokuba umtshato kungenwe kuwo ngononophelo nobulumko obunjani, bambalwa abatshata begqibelele ukumanyana ngexesha lenkonzo yomtshato. Umanyano olululo lwababini luyinto engumsebenzi weminyaka yasemva kwemini yomtshato.UL 281.5

    Buthi xa ubomi nemithwalo yabo edidayo namaxhala buhlangana nesibini esisanda kutshata, uncwaso oluphambanisayo othi umtshato uzalise ingcinga ngalo, luyanyamalala. Indoda nomfazi bafundana izimilo, omnye isimilo somnye ngendlela eyayingakwazi ukuba yenzeke kulwalamano lwangaphambi kokuba batshate. Lelona xesha lingumncipheko kakhulu eli kumava wabo. Ulonwabo nokuba luncedo lwabo bonke ubomi babo obulandelayo luxhomekeka ekulandeleni kwabo ikhondo elilungileyo ngoku. Baye bakholise ukubona omnye komnye ubuthakathaka obungakhange bulindeleke, neziphako ngokunjalo; kodwa iintliziyo ezimanywe luthando ziya kukubona nokuhle nako obekungaziwa ukuza kuthi ga apha. Bonke mabazame ukufumana okuhle endaweni yeziphako. Kukholisa ngokuba ibe yingqondo yethu, umoya osijikelezileyo, oye ugqibe ngokuya kutyhilwa kuthi okukomnye. Baninzi abakuthabatha ukubonakalaliswa kothando njengobuthakathaka, baze bazigcine ngokuzibamba okuye kubagxothe abanye. Lo moya uyawunqanda umsinga wovelwano. Xa iimvakalelo zokuhlalisana nobubele zicinezelwa, ziyabuna, ize intliziyo ibe lukhuni ibande. Kufuneka siyilumkele le mpazamo. Uthando alukwazi ukuhlala ixesha elide lungaboniswa. Intliziyo yalowo uhlangene naye mayingalambi kuba iswele ububele novelwano.UL 282.1

    Nangona iinzima, neengxaki, nezityhafiso zinokubakho, indoda nomfazi mabangagodli ingcinga yokuba umanyano lwabo luyimpazamo okanye lulilishwa. Zmiseleni ukuba kuko konke eninokuba kuko omnye komnye. Qhubekani nokuthandana kwenu kwasekuqaleni. Ngazo zonke iindela, khuthazanani ekulweni amadabi obomi. Fundani ukukhulisa ukonwabisana. Makubekho ukuthandana, nokunyamezelana omnye nomnye. Ubushushu bobuhlobo benene, uthando oluqamangela intliziyo kwenye intliziyo, kukuxhamla ngoku uvuyo lwasezulwini.Ikhaya ngalinye lijikelezwe sisangqa esingcwele kulo esikufuneka sihlale siqinile singaze saphulwe. Ngaphakathi kwesi sangqa, akakho omnye umntu onelungelo lokungena. Umyeni okanye inkosikazi mabangavumeli kubekho omnye owabelana ngeemfihlo ezizezabo kuphela.UL 282.2

    Uthando malunikwe lungafunwanga ngenkani. Makukhuliswe oko kunendili ngaphakathi kwenu, kukhawuleze ukuziqonda iimpawu ezintle komnye nomnye. Ukukuqonda ukuxatyiswa kuyinkuthazo nokwaneliseka okumnandi kakhulu. Uvelwano nokuhloniphana kukhuthaza ukuzama ukubalasela, luze nothando lukhule njengoko luxunela kwiinjongo eziphezulu.UL 283.1

    Akufuneki umyeni okanye umfazi abumanye ubuntu bakhe kobomnye. Elowo ubuntu besiqu sakhe kulwalamano noThixo. Xa kuthethwa ngoThixo, elowo kufuneka abuze, “Yintoni elungileyo?” “Yintoni engalunganga?” “Ndingayifezekisa njani ngeyona ndlela ifanelekileyo injongo yobomi?” Indyebo yothando lwenu mayiye kuLowo wanikela ngobomi baKhe ngenxa yenu. UKristu makenziwe abe ngowokuqala nowokugqibela noyena mhle kuko konke. Njengoko uthandolwenu kuYe luya lukhula lusomelela, uthando lwenu komnye nomnye luza kuya luhlambuluka lubasemandleni.UL 283.2

    Umoya athi uKristu awubonakalalise kuthi ngumoya umyeni nenkosikazi ekufuneka bewubonakalalisile omnye ngakomnye. “Njengokuba naye uKristu wasithandayo,” “hambani eluthandweni.” “Ke, kwanjengokuba ibandla eli limlulamela uKristu, mabathi ngokunjalo nabafazi bawalulamele awabo amadoda ezintweni zonke. Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla, wazinikela ngenxa yalo.” Efese 5:2, 24, 25.UL 283.3

    Makungabikho phakathi komyeni nomfazi osebenzisa igunya lakhe ngendlela eyodwa. Makungabikho ukuzama ukunyanzelisa ukuba omnye athobele iminqweno yomnye. Aninakuze nikwenze oku nize nikugcine ukuthandana. Yibani nobubele, nomonde, ninyamezelane, nicingelane, ninikane imbeko. Ngobabalo lukaThixo, ninako ukuphumelela ekonwabisaneni, njengoko nanithembisile kwizifungo zenu zomtshato.UL 283.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents