Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ilungelo Labazali Ekuqeqesheni Umntwana

    Banoyolo abazali ababomi babo busisibonakalaliso esiyinyaniso sikaThixo, ukuze izithembiso nemiyalelo kaThixo ivuse emntwaneni umbulelo nentlonipho; abazali abaluthando lwabo nobulungisa babo kunye nokunyamezela bumtyhilela umntwana uthando nobulungisa nokunyamezela kukaThixo; nabathi, ngokumfundisa umntwana ukuba abathande, abathembe nokuba abathobele babe bamfundisa ukumthanda, ukumthemba nokumthobela uYise wakhe osezulwini. Abazali abadlulisela emntwaneni isipho esinjalo bamnike indyebo exabiseke ngaphezu kobutyebi bawo onke amaphakade—indyebo emi ngonaphakade.UL 295.2

    Ebantwaneni ababekwe phantsi kweliso lakhe, wonke umama unomyalelo ongcwele ovela kuThixo. “Thabatha lo nyana, le ntwazana,” utsho, “ndiqeqeshele yena; mnike isimilo esivathiselwe ukuba sifanele ukwakhiwa kwebhotwe, ukuze sibengezele kumabhotwe kaYehova ngonaphakade.”UL 295.3

    Umsebenzi kamama uye ngamanye amaxesha ubonakale kuye uyinkonzo engabalulekanga. Ngumsebenzi ongakholisi kunconywa. Abanye bazi kancinane ngamaxhala wakhe nemithwalo yakhe. Iimini zakhe zixakeka kukujikeleza ngemisebenzi emincinane, iyonke ifuna umzamo womonde, ukuzilawula, ubuchule, ubulumko, nothando lokuzincama; kanti akanakuqhayisa ngoko akwenzileyo ngokungathi wenze into enkulu. Ugcine nje izinto zekhaya zihamba kakuhle; maxa wambi ediniwe edidekile, uzame ukuthetha ngobubele nabantwana, ukubagcina bexakekile bonwabile, nokukhokelela iinyawana zabo kwindlela elungileyo. Uziva engenzanga nto. Kanti ke, akunjalo. Iingelosi zasezulwini zimkhangele lo mama uqobekileyo, ziphawula imithwalo ayithweleyo imihla ngemihla. Igama lakhe linokungavakali emhlabeni, kodwa libhaliwe encwadini yobomi yeMvana.UL 295.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents