Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Izizathu Zokuyeka Ukutya Inyama

    Abo batya inyama batya iinkozo nemifuno kwisimo esenziwe sasidala; kuba isilwanyana sifumana kwezi zinto isondlo esenza ukuba sikhule. Ubomi obabukwiinkozo nemifuno kudlulela kotyayo. Sibufumana ngokutya inyama yesilwanyana. Bekungakuhle kanjani ukuba besibufumana ngqo, ngokutya ukutya uThixo alungiselele ukuba sikusebenzise!UL 244.1

    Inyama ayizange yaba kokona kutya kulungileyo; kwaye ukuyisebenzisa kuphindaphindiwe ukungafuneki, kususela ukuba isifo ezilwanyaneni siphindaphindile ukwanda. Abo basebenzisa inyama abayiqondi into abayityayo. Ukuba bebengazibona izilwanyana zisaphila baze balazi ixabiso lenyama abayityayo, bebeya kuyiyeka beyithiyile. Abantu baqhubeka besitya inyama ezaliswe ziintsholongwane zesifo sephepha kunye nomhlaza. Isifo sephepha, umhlaza, nezinye izifo ezibulalayo ziye zisasazwe ngaloo ndlela.UL 244.2

    Izihlunu zehagu zizala zizinto eziphila ngokuba ziincukuthu apha kuzo. UThixo wathi xa ethetha ngehagu, “nehagu, ngokuba iluthe gqiphu uphuphu, phofuingetyisi, iyinqambikuni. Inyamayazo ningaze niyidle,nesidumbu sazoningasichukumisi.”Duteronomi 14:8. Lo myalelo wanikwa kuba inyama yehagu ayifanelwe kutyiwa. Iihagu zingabaphiphi, kwaye kuphela komsebenzi ezabelwa ukuba ziwenze. Akuzange, naphantsi kwaziphi iimeko, kwafuneka ukuba inyama yazo ityiwe ngabantu. Akwenzeki ukuba inyama yaso nasiphi isidalwa esiphilayo ukuba inyama yaso ibe nesondlo xa ikukungcola okusakhayo kwaye sisitya yonke into ethiyekileyo.UL 244.3

    Izilwanyana zikholisa ukusiwa emalikeni apho ziyokuthengiselwa ukuba zityiwe naxa zinezifo ezenza ukuba abaninizo bangakwazi ukuzigcina ixesha elide. Ezinye zeenkqubo zokuzityebisela ukuthengiswa zingenisa izifo. Zivalelwa kwiindawo ezingenako ukukhanya nomoya ohlaziyekileyo, ziphefumle umoya wemikhumbi emdaka, mhlawumbi zityetyiswa ngokutya okubolileyo, uze umzimba wonke ungcoliseke yinto ebolileyo.UL 245.1

    Izilwanyana ziye zilayishwe zihambe imigama emide, zibe ziphantsi koxinzeleko olukhulu ngexesha zifika emalikeni. Zithi zisuka kumadlelo aluhlaza, zihambe imigama emide, zidinwe, kushushu, zisezindleleni eziqhuma uthuli, okanye zixinene kwiinqwelo ezimdaka, ziba nobufiva, zibe nexesha elide zingafumani kutya namanzi, olu sizi lezidalwa, kusukuba ziqhutyelwa ekufeni kwazo, ukuze abantu bonwabele isidlo sezidumbu zazo.UL 245.2

    Kwiindawo ezininzi iintlanzi ziye zingcoliswe kakhulu kukungcola ezikutyayo kangangokuba zibange isifo. Kufumaneka kakhulu oku apho iintlanzi zihlangana khona nelindle lezixeko ezikhulu. Iintlanzi eziphila ngokufumaneka kwimibhobho zingabheka phakathi elwandle zize zibanjwe khona apho amanzi acocekileyo nahlambulukileyo khona. Ngoko ke, ukusetyenziswa kwazo njengokutya, kuzisa isifo nokufa kwabo bangalindelanga ngozi.UL 245.3

    Iziphumo zokutyiwa kwenyama zinako ukungabonakali kwangoko; kodwa oku akuthethi ukuba ukutyiwa kwayo akuyongozi. Bambalwa abanokwenziwa bakukholelwe ukuba yinyama abayityileyo etyhefe igazi yabangela ukugula kwabo. Abaninzi bafa zizifo ezixhomekeke ngokupheleleyo ekutyiweni kwenyama, lo gama bona nabanye bengamkrokreli oyena nobangela.UL 245.4

    Ububi bokuziphatha obenziwa kukutyiwa kwenyama abubonakali bungaphantsi kwezinye izigulo zomzimba. Ukutyiwa kwenyama kuyingozi empilweni, kwaye yonke into echukumisa umzimba inegalelo elifanayo engqondweni nasemphefumlweni. Cinga ngenkohlakalo yokubulala eyenziwa ezilwanyaneni ngokutyiwa kwenyama, nefuthe layo kwabo bakubukelayo ukwenziwa kwayo. Indlela etshabalalisa ngayo uthando esifanele ukuziphatha ngalo izidalwa zikaThixo!UL 245.5

    Ubuchopho obubonakalaliswa zezininzi izilwanyana ezingathethiyo busondele kakhulu kubucopho babantu ngendlela engummangaliso. Izilwanyana zibona zive zithande zoyike zive kabuhlungu. Zisebenzisa amalungu azo ngokuthembeka okungaphezulu kokuba abantu nabo besebenzisa awabo. Zibonakalalisa uvelwano nothando kwamanye amaqabene azo ekuveni ubuhlungu. Izilwanyana ezininzi zibonisa uthando kwezo zinoxanduva lokuba zizijonge, ngaphezulu lee kuthando oluboniswa ngabanye bohlanga lwabantu. Zinamaqhina okumanyana nomntu angaqhawukiyo kungabonakalanga ukuba buhlungu kakhulu kuzo.UL 245.6

    Ngubani umntu onentliziyo yomntu, owakha wagcina izilwanyana zasekhaya, othi akukhangela emehlweni wazo, zizele kukumthemba nokumthanda, asuke athi, ngokukhululekileyo, azinikele kwimela yomxheli? Uyitya njani inyama yazo njengomthamo omnandi?UL 246.1

    Yimpazamo ukucinga ukuba amandla ezihlunu axhomekeke ekusetyenzisweni kokutya okuyinyama. Izidingo zomzimba zingakho ngcono kakhulu, konwatyelwe impilo enodlamko ngaphezulu, ngaphandle kokuyisebenzisa. Ukutya okuziinkozo, okuneziqhamo, iinatsi, nemifuno, kunazo zonke izakhi zomzimba ezidingekayo ukwenza igazi elilungileyo. Ezi zakhi azilunganga kangako okanye azinikwa ngokupheleleyo kukutya inyama. Ukuba ukusetyenziswa kwenyama bekubalulekile empilweni nasemandleni, ukutya inyama kwakuya kuqukwa ekutyeni okwanyulelwa umntu ekuqalekeni.UL 246.2

    Xa ukutyiwa kwenyama kuyekiwe, kukholisa ukubakho kokuva ukuba kukho ubuthakathaka, ukungabikho kodlamko. Abaninzi banyanzelisa ukuthi oku kubonisa ukuba inyama iyafuneka; kodwa kungokuba ukutya kolu didi kuyadlamkisa, kuba kutyhefa igazi kuvuse imithambo-luvo, kuba kungasafumaneki. Abanye baya kufumana ukuba kunzima ukuyiyeka inyama njengoko kunjalo kwinxila ukuyeka ithamo lebranti; kodwa bekuya kubalungela ukuba bebengatshintsha.UL 246.3

    Xa ukutya inyama kulahliwe, indawo yayo kufuneka ithatyathwe kukuba kubekho iintlobo ezahlukeneyo zokutya okuziinkozo, iinatsi, imifuno neziqhamo ezinesondlo nezinencasa ebawelekayo. Oku kufuneka ngokukodwa kwimeko yabo babuthakathaka okanye baqotywe ngumsebenzi oqhubeka okoko. Kwamanye amazwe, apho kwande ukuhlupheka, inyama iba kokona kutya kunexabiso eliphantsi. Phantsi kwezi meko, kunganzima kakhulu ukwenza utshintsho; kodwa lunako ukwenzeka. Kuyafuneka, kodwa, ukuba siyiqaphele imeko yabantu namandla omkhwa wobomi bonke, size silumke singanyanzelisisi, nokuba seyizingcamango ezilungileyo. Abakho ekufuneka bakhuthazwe ukuba benze inguquko ngokukhawuleza. Indawo yenyama kufuneka ithatyathwe kukutya okunesondlo okungaxabisi kakhulu. Kulo mba, kuninzi kakhulu okuxhomekeke kumpheki. Ngenkathalo nobuchule, izitya zinokulungiswa ezinesondlo nezimnandi, zize zithi, kakhulu, zithabathe indawo yokutya okuyinyama.UL 246.4

    Kuzo zonke iimeko, masifundiswe isazela, kufakwe nengqondo, kunikwe ukutya okulungileyo nokunesondlo, luya kuthi lubekho utshintsho kwakamsinyane, kuze ukufunwa kwenyama kuphele kungekudala. UL 247.1

    Asililo na ixesha eli lokuba bonke baxunele ukwahlukana nokutya inyama? Bathini abo bazama ukubanyulu, ukuphucuka, nokuba ngcwele, ukuze babenobudlelane neengelosi zasezulwini, ukuqhubeka besebenzisa ukutya nayiphi into enobungozi emiphefumlweni nasemizimbeni? Bathini ukuthabatha ubomi okanye ukubulala izidalwa zikaThixo khon’ ukuze bonwabele ukutya inyama? Endaweni yoko, mababuyele ekutyeni okwakhayo nokumnandi okwanikwa umntu ekuqalekeni, baze kwabona benze, bafundise nabantwana babo ukuba benze, inceba kwizidalwa ezingathethiyo athe uThixo wazenza wazibeka phantsi kolawulo lwethu.UL 247.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents