Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Uthando Lobuzalwana

    UKristu wayengakuhloniphi ukwahlukana ngobuzwe okanye ngomgangatho okanye ngenkolo. Ababhali nabaFarisi babenga bangazithabathela abantu basekuhlaleni nesizwe sabo izipho zezulu belukhuphela ngaphandle usapho lukaThixo olukumhlaba wonke. UKristu yena weza ukuze aluwise lonke udonga olwahlulayo. Weza ukuze abonise ukuba isipho saKhe senceba nothando asinamda njengomoya, ukukhanya, okanye imvula enayo, ezithi ziwuhlaziye umhlaba.UL 15.3

    Ubomi bukaKristu bamisela inkolo apho kungekho lucalucalulo, inkolo ekuthi ngayo umYuda noweNtlanga, okhululekileyo nolikhoboka, bahlanganiswe kubuzalwana obunye, belingana phambi kukaThixo. Iihambo zaKhe zazingaphenjelelwa ngumgaqo. Wayengahluli phakathi kwabamelwane nabasemzini, abahlobo neentshaba. Intliziyo yaKhe yayitsalwa ngumphefumlo onxanelwe amanzi obomi.UL 15.4

    Akazange wamdlula umntu njengongenaxabiso, kodwa wazama ukusebenzisa umathunga ophilisayo kuye wonke umntu ophilayo. Kulo iqela awayezifumana ekulo, wayenika isifundo esifanele ixesha nemeko leyo. Konke ukungakhathali okanye ukunyelisa okwakubonakalaliswa ngabantu kwabanye kwakumenza akuqonde ngakumbi ukuludinga kwabo uvelwano lwaKhe njengoThixo ongumntu. Wayezama ukunikeza ngethemba kwabona barhabaxa nabona banganiki themba, ebeka phambi kwabo isiqinisekiso sokuba, banako ukungabi nabala nabubi, bafikelele kwisimilo esinokubenza ukuba babonakale bengabantwana bakaThixo.UL 15.5

    Wayekholisa ukuhlangana nabo bemkayo bephantsi kolawulo lukaSathana, baye bengenawo amandla okuqhawula kumgibe wakhe. Konjalo, engenamandla, egula, ehendiwe, ewile, uYesu wayethetha amazwi emfesane enothando, amazwi awayedingeka nanokuqondakala ngokulula. Abanye awahlangana nabo babesilwa idabi ngamanqindi notshaba lwemiphefumlo. Aba wayebakhuthaza ukuba banyamezele, ebaqinisekisa ukuba baya kuphumelela; kuba iingelosi zikaThixo zazikwicala labo zaye ziya kubanika uloyiso.UL 16.1

    Esidlweni sababuthi berhafu, wayehlala engomenyiweyo onikwa imbeko, aze athi, ngovelwano lwaKhe nobubele kubantu ekuhlaleni, abonise ukuba uyakuqonda ukuhlonipheka kobuntu; baze abantu balangazelele ukuba bangakufanela ukuba abathembe. Kwiintliziyo zabo ezinxaniweyo, amazwi waKhe ayengena eyintsikelelo, enika ubomi namandla. Kwabakho iimvakalelo ezintsha; kwathi, kwaba bangabonelwa nto ngabantu ekuhlaleni, kwabakho iziqalelo ezitsha zokukwazi ukuphila ubomi obutsha.UL 16.2

    Nangona wayengumYuda, uYesu wayexubana ngokukhululekileyo namaSamariya, ewenza angabi nto amasiko obuFarisi besizwe saKhe. Yayithi ikho injalo intiyo yabo, asuke amkele ububele bokubukwa ngaba bantu bajongelwe phantsi. Wayelala kunye nabo phantsi kophahla lwezindlu zabo, atye kunye nabo ezitafileni zabo—esitya ukutya okulungiswe zizandla zabo,--efundisa ezindleleni zabo, ebaphatha ngobubele nembeko engathethekiyo. Lo gama etsalela iintliziyo zabo kuYe ngeqhina lovelwano, inceba yobuThixo baKhe yayibatsalela kusindiso awalwalayo amaYuda.UL 16.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents