Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukulawulwa Kwengqondo Yingqondo

    Lukho ke phofu nolunye uhlobo lokunyanga ingqondo olulolunye lenzeleli ezinamandla kakhulu ekulweni nobubi. Ngolu lwazi, njengoko kutshiwo, ingqondo ethile ibekwa phantsi kolawulo lwenye ukuze umnini wengenamandla abandakanywe nalowo unengqondo enamandla angaphezulu. Kuye kuthiwe ke, ukubetha kweengcinga kusenokuguquka, nokuba ukubetha kwentliziyo okunika impilo kunikezwe, baze abaguli bakwazi ukumelana nokusoyisa isifo.UL 186.5

    Le ndlela yokuphilisa iye yasetyenziswa ngabantu ababengazi ngeyona ndalo iyiyo nokufunwa yiyo, nababekholelwa ukuba iyindlela yokunceda abagulayo. Kanti ke, oku kubizwa ngokuba lulwazi olunzulu, lwakhelwe phezu kwemithetho-siseko yobuxoki. Lungaphandle kwendalo nomoya kaKristu. Alukhokeleli kuYe obubomi nosindiso. Lowo utsalela iingqondo kuye uzikhokelela ekwahlukaneni noMthombo wenene wamandla azo.UL 187.1

    Asiyiyo injongo kaThixo ukuba nabani ayekele ingqondo nentando yakhe elulawulweni lomnye, yena abe sisixhobo esingenzi nto ezandleni zomnye lowo. Akakho umntu ekufuneka ahlanganise ubuyena bakhe nobomnye. Akufuneki akhangele nakuwuphi umntu njengomthombo wokuphilisa. Ukuxhomekeka kwakhe kufuneka kube kuThixo. Kwisidima sobuntu abunikwe nguThixo, kufuneka elawulwe nguThixo ngokwaKhe, kungabi nguye nawuphi omnye ungqondo-ngqondo ongumntu.UL 187.2

    UThixo ulangazelela ukubazisa abantu kulwalamano olutsolileyo naYe. Kuko konke ukubaphatha kwaKhe abantu usebenzisa umthetho-siseko woxanduva lomntu ngesiqu sakhe. Ufuna ukukhuthaza ingqondo yokuxhomekeka ngobuqu nokubethelela isidingo senkokelo ngesiqu sakhe umntu. Ulangazelela ukuzisa umntu ekuhlanganeni noThixo, ukuze abantu baguqulelwe kwimfano noThixo. USathana usebenza ukuyithintela le njongo. Ufuna ukukhuthaza ukuxhomekeka kubantu. Xa iingqondo zisusiwe kuThixo, umlingi uyakwazi ukuzizisa phantsi kolawulo lwakhe. Uyakwazi ukululawula uluntu.UL 187.3

    Ubuciko bengqondo elawula ingqondo baqalwa nguSathana, ezazisa njengomsebenzi oyintloko, ukubeka ulwazi lwabantu apho kumele kubekho ulwazi lukaThixo. Kuzo zonke iziphoso ezathi zamkeleka phakathi kwabantu abazibiza ngokuba bangamaKristu, asikho esiyingozi ukudlula inkohliso, singekho esiqinisekileyo ukumahlula umntu kuThixo, ngaphezu kwesi. Sesinembonakalo yokuba msulwa sinjalo, ukuba sithe sasetyenziswa kwabagulayo, siya kukekelela kwintshabalalo yabo, kungekuko ekuphilisweni kwabo. Sivula umnyango athi angene ngawo uSathana ukuba alawule konke-ingqondo enikelwe kulawulo lomnye, kwanengqondo le ilawulayo.UL 187.4

    Liyoyikeka igunya elinikwe amadoda neentokazi abanengqondo embi. Hayi ukuba makhulu kwamathuba alinika abo baphila ngokuxhaphaza abanye kubuthakathaka babo okanye kwiimposiso zabo! Bangaphi abathi ngokulawulwa kweengqondo ezingenawo amandla nezityhefekileyo, bafumane indlela yokwanelisa iinkanuko okanye ukubawela inzuzo!UL 188.1

    Ikhona nenye into engcono esinokuthi senze yona kunokulawulwa koluntu luluntu. Ugqirha kufuneka abafundise abantu ukuba bayeke ukukhangela ebantwini koko bakhangele kuThixo. Kunokubafundisa abagulayo ukuba baxhomekeke ebantwini ukuba baphiliswe umphefumlo nomzimba, kufuneka abakhokelele kuLowo unako ukusindisa kube sekupheleni bonke abo beza kuYe. Lowo wenza ingqondo yomntu uyakwazi okufunwa yingqondo. NguThixo kuphela onako ukuphilisa. Abo bangqondo zabo nemizimba yabo inesifo kufuneka babone kuKristu njengombuyiseli. “Ngokuba ndisidla ubomi mna,” utsho, “nani niya kudla ubomi.” Yohane 14:19. Obu bubomi ekufuneka sibubeke ebantwini abagulayo, ukubaxelela ukuba, xa benokholo kuKristu njengombuyiseli [wempilo], ukuba yayasebenzisana naYe, beyithobela imithetho yempilo, bezama ukugqibelela kubungcwele bokumoyika, uya kubanika ubomi baKhe. Xa simbeka uKristu kubo ngale ndlela, sidlulisela amandla, ukomelela, okunexabiso; kuba kuvela ngasentla. Olu lulwazi lwenene lokuphiliswa komzimba nomphefumlo.UL 188.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents