Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Uvavanyo Lwesimilo

    “Amahlwempu lawo nihleli ninawo,” uKristu watsho, “nize xa sukuba nithanda, nibe nako ukuwenzela okulungileyo.” “Unqulo lona oluhlabulukileyo, olungadyobhekileyo phambi koThixo uBawo, lolo olu: kukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo; kukuzigcina engenabala kulo ihlabathi.” Marko 14:7; Yakobi 1:27.UL 154.4

    Ekubekeni phakathi kwabo abangakwazi kuzinceda namahlwempu, ukuba baxhomekeke phezu kwenkathalelo yabo, uKristu uvavanya ababizwa ngokuba bangabalandeli baKhe. Ngothando lwethu olusebenzela kwethu abantwana abanentswelo, sibonisa ukunyaniseka kothando lwethu kuYe. Ukabatyeshela kukuzixela thina ngokwethu ukuba singabafundi ababuxoki, abaphambukeli nje kuKristu kunye nothando lwaKhe.UL 155.1

    Ukuba konke bekwenziwe obekunokwenziwa ekunikeni amakhaya kwiintsapho zabantwana abaziinkedama, bebesaya kusala bebaninzi abafuna ukukhathalelwa. Abaninzi kwaba bantwana bafumana ilifa lobubi. Abathembisi, abanamtsalane, bagqwethekile, kodwa bathengwe ngegazi likaKristu, kwaye phambi kwamehlo aKhe, baxabiseke njengabethu abancinane. Ngaphandle kokuba bolulelwe isandla soncedo, baya kukhula bengazi, bakhukuliselwe ebubini nasekwaphuleni umthetho. Abaninzi kwaba bantwna bebenako ukuhlangulwa ngokusebenza kwamakhaya agcina iinkedama.UL 155.2

    Imizi enjalo, ukuze ibe nempumelelo enkulu, kufuneka yakhiwe isondele kakhulu kwicebo lekhaya lobuKristu. Kunokuba kwenziwe izakhiwo ezizisa ziqokelele ndawonye amanani amakhulu, makwakhiwe imizi emincinane kwiindawo ezahlukeneyo. Kunokuba ibe ngaphakathi okanye ecaleni kwesixeko esikhulu, imele le mizi ukuba ibe semaphandleni apho umhlaba wokulima unokufunyanwa khona ukuze kuziswe aba abantwana ukuba bahlangane nendalo bafumane nentsikelelo yokuqeqeshelwa umsebenzi.UL 155.3

    Abo baphethe ikhaya elinjalo bafanele ukuba ngamadoda neentokazi abantliziyo zibanzi, nezichubekileyo; amadoda neentokazi abawufunqula umsebenzi ngokuthanda uKristu nabaqeqeshela Yena abantwana. Phantsi kokukhathalelwa okunjalo, nababengahoywanga bangalungiswa ukuba babe ngamalungu aluncedo ekuhlaleni, nozuko kuKristu ngabo, nangokunceda kwabo abanye ngexesha labo.UL 155.4

    Abaninzi bayaludela uqoqosho, beluphazamisa nobugqolo nokuvimba. Kanti ke, uqoqosho luhambelana nesona sisa sibanzi. Ngokwenene, ngaphandle koqoqosho, asingeke sibekho isisa senene. Kufuneka songe, ukuze sibenako ukupha.UL 155.5

    Akakho onokwenza ububele obububo ngaphandle kokuzithiba. Kuphela ngobomi obulula, ukuzithiba, noqoqosho oluqinileyo esinokuba nako ukuwufeza umsebenzi obekelwe thina njengabameli bakaKristu. Ukuziphakamisa namabhongo ehlabathi kufuneka akhutshwe ezintliziyweni zethu. Kuwo wonke umsebenzi wethu, umthetho-siseko wokungasekelezi nzuzo okwabonakalaliswa kubomi bukaKristu kufuneka wenziwe. Ezindongeni zamakhaya ethu, imifanekiso, iimpahla zendlu [iifenitshala], kufuneka sifunde oku, “Bangenise abangamahlwempu endlwini yakho.” Kwiindawo zethu ezigcina impahla yokunxiba kufuneka sibone umbhalo, ongathi ubhalwe ngomnwe kaThixo, othi, “Yambesa abaze.” Egumbini lokutyela, etafileni ezele yimfumba yokutya, kufuneka sibone kukroliwe, “asikuko na ukumnika isonka sakho olambileyo?” Isaya 58:7.UL 156.1

    Iminyango eliwaka yokuba lulutho ivulekile phambi kwethu. Sikholisa ukukhalela ukunqongophala wezixhobo ezikhoyo, kodwa ukuba amaKristu ebenyaniseke ngokwenene, ebeya kubanako ukwandisa izixhobo ngokuphindwe ngamawaka. Kukubawa, nokuziyekela, okuyivalayo indlela eya ekubeni lulutho kwethu. Kungakanani esinako esikuchitha kwizinto ezizizithixo nje, izinto ezizalise ingcinga, nexesha, namandla, izinto ebezinokusetyenziswa kumgangatho ophezulu! Ingakanani imali echithwa kwizindlu neempahla [iifenitshala] zazo zexabiso eliphezulu, kwiziyolo zokuzanelisa, kubuyokoyoko nokutya okungawakhiyo umzimba, nokuziyekela kwizinto ezonakalisayo! Kungakanani okuchithwa kwizipho ezingancedi mntu! Ngezinto ezingadingekiyo, ezikholisa ukuba yingozi, abazibiza ngoKristu namhlanje, bachitha okuninzi kakhulu, amaxesha amaninzi bachitha ngaphezulu kokuba bechitha ekuzameni ukuhlangula imiphefumlo kumhendi.UL 156.2

    Abaninzi abathi bangamaKristu bachitha okuninzi kakhulu ekunxibeni bade bangabi nanto isalayo ukuba ihlangabezane neentswelo zabanye. Amajikazi abiza kakhulu neempahla abacinga ukuba kufuneka babe nazo, nokuba zithini izidingo zabo banokuzixhasa ngezona zingacacanga kakhulu iimpahla.UL 156.3

    Boodade, ukuba nifuna ukuyenza indlela yenu yokunxiba ukuba ivumelane nemigaqo yeBhayibhile, ninganokuninzi eninokunceda oodade benu abahluphekileyo kunani. Anisayi kuba necebo kuphela, kodwa nalo nexesha. Baninzi ebe niya kubanceda ngeengcebiso zenu, ngobulumko nobuchule benu. Baboniseni indlela yokunxiba ngokulula kodwa kuthandeke ngokupheleleyo. Abafazi abaninzi bayemka endlwini kaThixo ngenxa yeempahla zabo ezivaxalala nezingafanelekanga ngendlela eyahluke kakhulu kwisinxibo sabanye. Abaninzi abanomoya ochukumisekayo baba nengqondo yokuthobeka okukrakra nokungabikho kobulungisa ngenxa yalo mahluko. Kuthi ngenxa yawo abaninzi benziwe babuthandabuze ubunyaniso benkolo baze bazenze lukhuni iintliziyo zabo ngakwiindaba ezilungileyo.UL 156.4

    UKristu uyasiyalela, “Hlanganisani yonke imvuthuluka eshiyekileyo, kungabikho nto ilahlekayo.” Lo gama yonke imihla kukho amawaka atshabalalayo yindlala, kuphalala igazi, kukho imililo, nezibetho, kuyamnyanzela wonke umthandi wohlobo olufana naye [onezinto] ukuqinisekisa ukuba akukho nto ichithwayo, nokungathsafazi ngokungadingekiyo, ekunokuthi ngako kuncedwe umntu. UL 157.1

    Akulunganga ukuba sidlale ngexesha, kungalunganga nokuba sidlale ngeengcinga zethu. Siyawulahla wonke umzuzu esiwunikela ekufuneni okwethu. Ukuba wonke umzuzu kuthi besiwuxabisile siwusebenzisa ngendlela eyiyo, besiya kuba nalo ixesha layo yonke into esidinga ukuzenzela yona okanye siyenzele ihlabathi. Ekuchithweni kwemali, ekusetyenzisweni kwexesha, amandla namathuba, wonke umKristu makakhangele kuThixo ukuba azuze ukukhokelwa. “Ukuba ke ubani uswele ubulumko, makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi; wobunikwa.” Yakobi 1:5.UL 157.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents