Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    25—Ukubaxwa Kwendlela Yokutya

    Asingabo bonke abathi bakholelwa kuhlaziyo lwendlela yokutya abangabahlaziyi ngenene. Kubantu abaninzi uhlaziyo luphelele ukuyekeni izinto ezithile zokutya okungakhiyo ngokupheleleyo. Abayiqondi kakuhle imithetho-siseko yempilo, zize iitafile zabo, ezisazele zizimuncumuncu ezinobungozi, zibe kude ekubeni ngumzekelo wobungcathu bomKristu kwakunye nokutya ngesingqi sobungcathu.UL 248.1

    Olunye udidi, kulangazelelo lokuba ngumzekelo ofanelekileyo, luya kwelinye icala, lokuzibaxa izinto. Abanye abakwazi ukufumana okona kutya kufunekayo, baze bathi, endaweni yokusebenzisa izinto ezilunge kakhulu ukunika okudingwa kakhulu ngumzimba, basuke batye ukutya okungawakhiyo mpela umzimba. Ukutya kwabo akuwuniki umzimba iziqalelo ezidingekayo ukwakha igazi elihle. Impilo yabo iyonakala, ukuba lulutho kwabo kuphazamiseke, uze umzekelo wabo uxele okuchaseneyo kunohlaziyo lwendlela yokutya.UL 248.2

    Abanye bacinga ukuba, njengoko impilo ifuna indlela yokutya elula, kufuneka kube kuncinance ukukhathalela indlela yokukhetha okanye yokulungisa ukutya. Abanye bazithiba ngokutya kancinane, bangabi nako nokutya okwahlukahlukeneyo okudingwa ngumzimba baze baphelele ekwaphukeni kwempilo yabo.UL 248.3

    Abo bangayiqondi ngokupheleleyo imithetho-siseko yohlaziyo lwendlela yokutya bakholisa ukuba ngabona baba nobungqongqo, kungekuphela ekwenzeni ngokwezabo iimbono ngokwabo, kodwa nasekunyanzeleni ezo mbono nakwiintsapho zabo kunye nabamelwane. Isiphumo sohlaziyo oluyimpazamo, njengoko lubonakala empilweni yabo, nemizamo yabo yokunyanzelisa iimbono zabo kwabanye, zinika imbono engeyiyo kuhlaziyo lwendlela yokutya, baze abanye balulandule ngokupheleleyo.UL 249.1

    Abo bayiqondayo imithetho yempilo nabalawulwa ngumthetho-siseko, baya kukuphepha ukuyibaxa into abayenzayo, kuko kokubini, ukuziyekela nokuzithiba. Indlela yabo yokutya iyanyulwa, kungenzelwa nje ukwanelisa ilithe, kodwa ukuze kwakheke umzimba. Bazama ukugcina onke amandla ekwimeko efanele okona kumsebenzela kuphezulu uThixo nabantu. Ukuthanda ukutya kuphantsi kolawulo lwengqondo nesazela, kwaye bavuzwa ngempilo yomzimba nengqondo. Nangona bengazinyanzelisi iimbono zabo ngendlela engathandekiyo kwabanye, umzekelo wabo uye ube bubungqina obuyixhasayo imithetho-siseko elungileyo. Aba bantu baba nempembelelo enabileyo yokulungileyo.UL 249.2

    Kukho ukusebenza nje okulula kwengqondo kuhlaziyo lwendlela yokutya. Umcimbi lo kufuneka ufundwe ngokubanzi nangokunzulu, kwaye, akufuneki kubekho umntu ogxeka abanye kuba bengazenzi zonke izinto ngokuhambelana nezakhe iindlela. Kunzima ukwenza umgaqo oquka konke ukumisa ngendlela imikhwa yabantu bonke, kwaye akufuneki kubekho umntu ozenza ukuba abe ngumgangatho wabantu bonke. Asingabo bonke abanokutya into enye. Ukutya okutyekayo nokwakhayo kothile kunokungabi mnandi komnye, kude maxa wambi kumphathe kakubi, omnye. Abanye abakwazi ukusebenzisa ubisi, lo gama abanye bephila ngalo. Umzimba wabanye uphathwa kakubi ziiertyisi neembotyi; abanye bazifumana ziluncedo. Kwabanye ukutya okuziinkozo kulungile, lo gama abanye bengakwazi ukukusebenzisa.UL 249.3

    Abantu abaya kuhlala kumazwe amatsha okanye kwiindawo ezinentlupheko, apho kunqabe khona iziqhamo nokutya okuzinkozo [zodidi lwamandongomane], akufuneki banyanzeliswe ukuba bangalutyi ubisi namaqanda. Kuyinyaniso kona ukuba, abantu abaphila ngenyama kuphela nabalawulwa ziinkanuko zobulwanyana, bayakudinga ukukuphepha ukusebenzisa ukutya okuvuselelayo. Kude kuthi chatha kwiintsapho ezinabantwana abamikhwa yabo ikekelele ngakwisondo, amaqanda kufuneka angasetyenziswa. Kanti ke, kwimeko apho abantu abazihlunu zabo ezenza igazi zingenawo amandla,--ngakumbi ukuba okunye ukutya okufumanekayo akunazo izakhi ezidingekayo,--ubisi namaqanda zizinto ekungafuneki zilahlwe ngokupheleleyo. Makuqatshelwe kakhulu, kodwa, ukuba kuzuzwa ubisi kwiinkomo ezisempilweni, namaqanda kwiinkuku ezisempilweni, ezondliwe ngendlela eyiyo nezigcinwe kakuhle; kanti namaqanda kufuneka aphekwe ngendlela eya kwenza ukuba umzimba ungabi nomsebenzi onzima ukuwacola.UL 249.4

    Uhlaziyo lwendlela yokutya kufuneka lube loluqhubekayo. Njengoko izifo kwizilwanyana zisanda, ukusetyenziswa kobisi namaqanda kuza kuya kukhula ukungakhuseleki. Mawubekho umzamo owenziwayo wokuzuza izinto ezinempilo nezingaxabisi kakhulu. Abantu, kuyo yonke indawo, kufuneka bafundiswe ukupheka ngaphandle kobisi namaqanda, kangangoko, kodwa kona ukutya kwabo kufuneka kwakhe kube nokutyeka okanye kube mnandi.UL 250.1

    Ukuziqhelisa ukutya izidlo ezibini ngemini kufumaniseke kuzisa okuhle empilweni; kanti ke, phantsi kwezinye iimeko, abantu bayakudinga ukutya nesesithathu isidlo. Sekunjalo, ukuba kunyanzelekile oko, kufuneka kube lula, ibe kukutya umzimba onokukusebenza lula—amaqebengwana nje awosiweyo nempungo yokukroqiweyo okungenayo ikhafeyini. [Akufuneki umzimba usindwe kukutya xa uza kulala. ]UL 250.2

    Kukho abantu abasoloko benexhala ngelithi hleze kuthi kanti ukutya kwabo, sekulula kunempilo, kungabanika ingxaki. Kwabo mandithi, Musani ukucinga ukuba ukutya kwenu kuza kunonakalisa; musani ukuyicinga yonke loo nto. Yityani ngokokubona kwenu; nithi nakuba niyicelile iNkosi ukuba ikusikelele ukutya kwenu ukuba kuyomeleze imizimba yenu, nikholwe ukuba iwuvile umthandazo wenu, nonwabe.UL 250.3

    Ngenxa yokuba umthetho-siseko ufuna ukuba siziyeke zonke izinto ezithi zisikhathaze isisu, siyiphazamise impilo, kufuneka sikhumbule ukuba ukutya okungenasondlo kuveza igazi elibi. Iimeko zesifo esisesona kunzima ukusiphilisa zibangwa yiyo le nto. Umzimba awondleki ngokwaneleyo, size isiphumo sibe kukuthandwa kukuba nesisu esibhlungu nokungabi namandla. Abo basebenzisa ukutya okunjalo, abaye babe baqhutywa yindlala ukuba benze njalo, kodwa baye banyule ukungazi okanye ukungakhathali, okanye ukuqhubeka nembono yabo yohlaziyo eyimposiso.UL 250.4

    UThixo akazukiswa xa umzimba utyeshelwe okanye uphethwe kakubi uze ngenxa yoko ungawulungeli umsebenzi waKhe. Ukukhathalela umzimba ngokwenza ukuba kubekho ukutya okuyinto emnandi nenika amandla ngumthwalo wokuqala nomnini-khaya. Kulungile kanye kakhulu ukuba kubekho impahla yokunxiba neyendlu engaxabisi kakhulu kunokuba kuncitshiswe ukutya.UL 251.1

    Abanye abanini bamakhaya banciphisa ukutya ukuze bakwazi ukonwabisa iindlwendwe ngendlela eyinkcitho enkulu. Le nto ayilumkile. Ekonwabiseni abamenyiweyo kufuneka kubonakale ubulula okanye ukuqheleka okukhulu. Izidingo zosapho mazifumane ingqwalaselo ephambili.UL 251.2

    Uqoqosho lobudenge namasiko awenziwayo zizinto ezikholisa ukuma phambi kokubukwa kweendwendwe nalapho kudingeka khona, nobebuya kuba yintsikelelo. Ukutya okubekwa ezitafileni zethu kufuneka kube kwimo enokuthi, nokuba kungafika umntu wasemzini engalindelekanga, amkelwe kungakhange kube kongezwe omnye umthwalo wokulungisa ongaphaya phezu komama wekhaya.UL 251.3

    Wonke umntu kufuneka afunde ukuba makatye ntoni, ayipheke njani. Amadoda, kwanjengoomama, ayakudinga ukukwazi ukulungisa ukutya okulula, okunempilo. Umsebenzi wawo maxa wambi uwafuna kude nalapho anokuzuza khona ukutya okwakhayo; akuze kuthi, ukuba analo ulwazi lokupheka, abe nako ukulusebenzisa kule meko.UL 251.4

    Mayiqatshelwe ngononophelo indlela yokutya. Khulisa ukuzilawula. Gcina ukuthanda into etyiwayo phantsi kolawulo lwengqondo. Ungaze usiphathe kakubi isisu ngokutya udlule emgceni, kodwa ungazivimbi ukutya okuwakhayo umzimba, okumnandi nokufunwa yimpilo.UL 251.5

    Iimbono ezinganabanga zabazama ukuba ngabahlaziyi bempilo zenze umonakalo omkkhulu emsebenzini wempilo. Iingcali zezempilo kufuneka zikhumbule ukuba uhlaziyo lwendlela yokutya luya kubonwa, kakhulukazi, ngolungiselelo olwenziwayo ezitafileni zazo; zize zithi, endaweni yokutya into ezisa isigxeko kuhlaziyo, isuke ibe ngumzeklelo wemithetho—siseko yalo ide ibe nokunconywa ngabo baneengqondo ezivulekileyo. Lukho udidi olukhulu lwabo bachasa naluphi uhlobo lwentshukumo yohlaziyo, nokuba lusengqondweni kangakanani, ukuba lubeka isithintelo kwinto etyiwayo. Baxhomekeka kwilithe endaweni yengqondo okanye imithetho yempilo. Ngolu didi, bonke abashiya indlela ede yagangatheka yesithethe bakhuthaze uhlaziyo babonwa njengamagangxaakhawulezayo, nokuba ithe chu kakuhle indlela yabo. Le yokuba aba bantu bengenawo umhlaba wokugxeka, abafundisa ngempilo akufuneki bazame ukuba bona bazibonise ukuba bohluke kanjani kwabanye, kodwa kufuneka baye besondela kubo kangangoko banako kodwa bengasukanga kumthetho-siseko.UL 251.6

    Xa abo bavakalisa uhlaziyo lwezempilo nococeko bewelela kwicala lokulubaxa uhlaziyo, akumangalisi ukuba abaninzi abababona aba bantu njengabamele imithetho-siseko yempilo, baze ngenxa yoko, bangabi safuna nokuva ngokupheleleyo ngohlaziyo. Aba bagqitha emgceni bakholisa ukwenza umonakalo omkhulu ngexeshana nje elifutshane onokuthabatha ubomi bonke obuzingisileyo ukuba ulungiseke.UL 252.1

    Uhlaziyo lwempilo luxhomekeke kwimithetho-siseko ebanzi nehamba indawo ende, kwaye akufuneki silwenze luncinane ngeembono nangezenzo ezicuthekileyo. Kodwa makungabikho ovumela inkcaso okanye ukuhlekisa, okanye ukulangazelela ukukholisa okanye ukumenza ukuba ayithabathe ngokulula. Abo balawulwa ngumthetho-siseko baya kuqina bazinze ekumeleni okulungileyo; kuze kuthi kuko konke ukuhlangana kwabo nabanye babonakalalise umoya ofana nokaKristu ngobubele nokwenza ngenyaniso.UL 252.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents