Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Abavangeli Abazixhasayo

    Kwiindawo ezininzi abavangeli engumvangeli abazixhasayo basebenza ngempumelelo. Kwakungokuba ozixhasayo okwenza ukuba umpostile uPawulos asebenze nzima ukusasaza ukwaziwa kukaKristu kuwo wonke umhlaba. Nangona yonke imihla wayefundisa iindaba ezilungileyo kwizixeko ezikhulu zaseAsiya naseYurophu, wasebenza kwishishini lobugcisa ukuze azixhase namaqabane akhe. Amazwi wakhe okuhamba aya kubadala baseEfese, ebonisa indlela yokusebenza nzima kwakhe, anezifundo ezixabisekileyo kuye wonke osebenza iindaba ezilungileyo:UL 110.3

    “Niyazi,” watsho, “ukuba ndathini na ukuhlala kwam nani lonke ixesha, . . . okokuba andinifihlelanga nto, ndanityela onke amalungelo; ndanifundisa ekuhleni nakwizindlu ngezindlu. . . . Andinqwenelanga silivere nagolide nangubo kabani. Nina ke ngokwenu niyazi ukuba ezi zandla zazisebenzela iintswelo zam, nezababenam. Ndanibonisa zonke izinto, ukuba ngokwenjenjalo ukubulaleka nimelwe kukuthi niyisize imilwelwe, nikhumbule namazwi eNkosi uYesu; ngokuba yena wathi, Ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa.” IZenzo 20:18-35.UL 110.4

    Abaninzi namhlanje, ukuba bebengazaliswa kwangulo moya mnye wokuzincama, bebeya kwenza umsebenzi olungileyo ngendlela efanayo. Ababini nangaphezulu mabaqale kunye umsebenzi wovangelo. Mabahambele abantu, bathandaze, bacule, bafundise, becacisa iziBhalo, belungiselela kwabagulayo. Abanye bangazixhasa ngokuvangela ngeencwadi; abanye, njengompostile, banokusebenza umsebenzi wezandla okanye kweminye imiba yokuzama. Ngexesha bebheka phambili emsebenzini wabo, bekuqonda ukungabi nakuzinceda kwabo, kodwa ngokuthobekileyo, bexhomekeke kuThixo, bazuza amava asikelelekileyo. INkosi uYesu ihamba phambi kwabo, naphakathi kwabanobutyebi nabangamahlwempu baze bazuze ukuthandwa noncedo.UL 111.1

    Abo bebeqeqeshelwe umsebenzi wovangelo lonyango kumazwe angaphandle kufuneka bekhuthaziwe ukuba bahambe bengalibazisi ukuya apho balindele ukusebenza, baqale umsebenzi phakathi kwabantu, befunda ulwimi besebenza. Kungekudala, baza kukwazi ukufundisa iinyaniso ezilula zelizwi likaThixo.UL 111.2

    Kuwo wonke umhlaba, abathunywa benceba bayadingeka. Lukho ubizo kwiintsapho zamaKristu ukuba kuyiwe kwiindawo ekuhlalwa kuzo ezisebumnyameni nasemposisweni, kuyiwe kwimimandla engaphandle, ukuba kuqhelwane neentswelo zabazalwana bazo, nokuba kusetyenzelwe umsebenzi weNkosi. Ukuba iintsapho ezinjalo bezingaya kuhlala kwiindawo ezimnyama zomhlaba, apho abantu bagutyungelwe bubumnyama basemoyeni, zikuvumele ukukhanya kobomi bukaKristu ukuba kukhanye ngazo, hay’ ubukhulu nobuhle bomsebenzi obunokufezwa!UL 111.3

    Lo msebenzi ufuna ukuzincama. Lo gama abaninzi belindele ukuba yonke imiqobo ekhubekisayo isuswe, umsebenzi engebewenza wona ushiywa ungenziwanga, zaye iinginginya zabantu zisifa ngaphandle kwethemba nangaphandle kukaThixo. Abanye, ngenxa yezorhwebo, okanye ukufuna ukuzuza ulwazi lwesayensi, bayaya kwezi ndawo zingamiwanga ngokwanelisayo baze bakonwabele ukunyamezela ukuzincama nobunzima; kodwa ke bambalwa abathi ngenxa yabanye abantu babe nentumekelelo ukususa iintsapho zabo ziye kwimimandla enentswelo yeendaba ezilungileyo.UL 111.4

    Ukufikelela ebantwini, kuloo ndawo bakuyo, nokuba bakwesiphi isikhundla okanye kweyiphi imeko, nokubanceda ngayo nayiphi indlela enokwenzeka—olo lulungiselelo lwenene. Ngelinge elinjalo ningazizuza iintliziyo nivule umnyango wokufikelela kwimiphefumlo etshabalalayo.UL 112.1

    Kuko konke ukusebenza kwenu, khumbulani ukuba niqanyangelwe noKristu, inxenye yecebo elikhulu lohlangulo. Uthando lukaKristu, lungumsinga ophilisayo, onika ubomi, kufuneka lubaleke ebomini benu. Ngexesha nizama ukutsalela abanye kwisangqa sothando lwaKhe, ukusulungeka kwentetho yenu, isisa senkonzo yenu, uvuyo lokuziphatha kwenu, konke kunika ubungqina ngamandla obabalo lwaKhe. Nikani ihlabathi ukwaziwa kwaKhe okuhlambuluke nokulunge kunene, ukuze abantu bambone ebuhleni baKhe.UL 112.2

    Akuncedi nto kangako ukuzama ukuhlaziya abanye ngokuhlasela oko sicinga ukuba yimikhwa engalunganga. Ilinge elinjalo likholisa ukuba neziphumo ezenza umonakalo omkhulu ngaphezu kokwenza okulungileyo. Ekuthetheni kwaKhe nentokazi yomSamariya, endaweni yokugxeka iqula likaYakobi, uKristu wayinika into engcono. “Ukuba ubusazi isipho sikaThixo,” watsho, “nokuba ngubani na lo uthi kuwe, Ndiphe ndisele; unge ucele kuye wena, wakupha amanzi aphilileyo.” Yohane 4:10. Wayijika incoko yaya kwindyebo awayeza kuyinika, eyinika intokazi into engcono kunaleyo yayinayo, amanzi aphilileyo, uvuyo nethemba lothando lweendaba ezilungileyo.UL 112.3

    Lo ngumboniso wendlela esifanele ukusebenza ngayo. Kufuneka sibanike abantu into engcono kunaleyo banayo, uxolo lukaKristu, oludlula konke ukuqonda. Kufuneka sibaxelele ngomthetho kaThixo ongcwele, umbhalo wesimilo saKhe, nentetho ento alangazelela ukuba babe yiyo. Mababoniswe ukuba bungaphezulu ngendlela engenasiphelo kangakanani ubuqaqawuli bamazulu obungonakaliyo xa buthelekiswa nokuphaphatheka kovuyo neziyolo zomhlaba. Mabaxelelwe ngenkululeko nophumo olufunyanwa kuMsindisi. “Ke yena othe wasela kuwo amanzi, endiya kumpha wona mna, akasayi kuza anxanwe naphakade” Yohane 4:14.UL 112.4

    “Phakamisani uKristu, nidanduluke, “Nantso iMvana kaThixo ethwala isuse isono sehlabathi.” Yohane 1:29. nguYe kuphela onganelisa ukunxanwa kwentliziyo anike uxolo emphefumlweni.UL 113.1

    Kubo bonke abantu abasemhlabeni, abahlaziyi kufuneka babe ngabona bangenamona, ngabona banobubele, ngabona banembeko. Ebomini babo kumele kubonwe ukulunga kwenyaniso kwezenzo ezingabawiyo. Umsebenzi obonakalalisa ukuswela imbeko, obonisa ukungabi namonde ngokuswela ukwazi ekulahlekeni kwabanye, othetha ngokungxama okanye owenza ngaphandle kokucinga, angawuvala umnyango oya ezintliziyweni ukuze angaze afikelele kuzo.UL 113.2

    Njengoko umbethe nomkhumezelo uwa phezu kwezityalo ezibunayo, mawabe njalo amazwi ukuwa kancinane xa kuzanywa ukubuyiswa abantu kwimposiso. Icebo likaThixo kuqala kukufikelela entliziyweni. Simele ukuyithetha inyaniso ngothando, sithembele kuYe ukuba ayinike amandla okuhlaziya ubomi. UMoya Oyingcwele uya sebenzisa emphefumlweni ilizwi elithethwa ngothando.UL 113.3

    Ngokwemveli, siyazidla sineengqondo zethu. Noko kunjalo, xa sizifunda izifundo uKristu anqwenela ukusifundisa, siba ngamadlelane nendalo yaKhe; ukususela apho siphile ubomi baKhe. Umzekelo omhle kakhulu kaKristu, ububele obungenamlinganiselo awangena ngabo kwizivo zabanye, ukulila nabo balilayo, ukuvuya nabo bavuyayo, kumele kube nempembelelo enzulu kwisimilo sabo bonke abalandela Yena ngokunyaniseka. Ngamazwi anobubele nezenzo ezinobubele, baya kuzama ukuyenza indlela ibe lula kwiinyawo ezidiniweyo.UL 113.4

    “UYehova wamandulo undinike ulwimi lokufundisa, ukuze ndiyazi indlela yokuthetha ilizwi ngexesha elililo kulowo utyhafileyo.” Isaya 50:4, Leeser; A.V.UL 113.5

    Sijikelezwe yimiphefumlo ethuthunjiswayo. Apha naphaya, kuyo yonke indawo, siyayifumana. Masibafune aba babulalekayo sithethe ilizwi ngexesha elililo ukuthuthuzela iintliziyo zabo. Masihlale singamajelo ekuthi ngawo kubaleke amanzi ahlaziyayo ovelwano.UL 113.6

    Kuko konke ukuhlangana kwethu, kufuneka kukhunjulwe ukuba kumava abanye kukho izahluko ezitywiniweyo emehlweni abantu. kumaphepha engqondo kukho iimbali ezilusizi ezaluswe ngendlela enobungcwele ukuba zingafiki kumehlo athanda ukwazi. Kubhalwe amadabi amade nanzima aliwa neemeko ezinzima kakhulu, mhlawumbi iinkathazo zobomi basekhaya, ezithi, imihla ngemihla zidodobalise ukuqina, ukuthemba, nokholo. Abo balwa idabi lobomi phantsi kweemeko ezingavumiyo banokomelezwa bakhuthazwe kukuhoywa nje okuncinane okuthabatha kuphela umzamo wothando. Kwabanjalo, ukubanjwa ngesandla okuqinileyo nokuluncedo ngumhlobo wenene, kuxabiseke ngaphezu kwegolide okanye isilivere. Amazwi obubele amkeleke njengoncumo lweengelosi.UL 113.7

    Kukho izihlwele ezilwa nentlupheko, ekunyanzeleke ukuba zisebenzele umvuzo omncinane, khon’ ukuze zichola-chole iintwana zokuxhasa ubomi. Ukusebenza nzima nokuhlupheka, lingekho ithemba lezinto ezingcono, kuwenza nzima ngakumbi umthwalo wabo. Xa intlungu nokugula kongeziwe, umthwalo usuka ungaxhaseki. Beqotywe ngamaxhala, becinezelekile, abazi nokuba bangabheka kweliphi icala ukuze bafumane uncedo. Velanani nabo ekulingweni kwabo, kubuhlungu beezintliziyo nasekutyhafeni kwabo. Oku kuya kunivulela indlela yokuba nibancede. Baxeleleni ngezithembiso zikaThixo. Thandazani nabo. Bathandazeleni. Banikeni ithemba.UL 114.1

    Amazwi avuyisayo nawenkuthazo athethwe ngexesha umphefumlo ugula namandla okungongoza kwentliziyo asezantsi—ezi zizinto ezibonwa nguMsindisi njengezithethwe nguYe. Xa zisonwatyiswa iintliziyo, iingelosi zibukela oko zanelisekile.UL 114.2

    Kususela kwizizukulwana ngezizukulwana, iNkosi ibihleli izama ukuvuselela kwimiphefumlo yabantu ingqondo yabo yobuzalwana obungcwele. Yibani ngabasebenzi kunye naYo. Ngeli xesha ukungathembi nokuchaselana kulityhutyha ihlabathi, abafundi bakaKristu kufuneka baveze umoya olawulayo ezulwini.UL 114.3

    Makuthethwe njengoko ebeya kuthetha, kwenziwe njengoko ebeya kwenza. Makuzingiswe ukuveza ubumnandi besimilo saKhe. Makuvezwe obo butyebi bothando olungaphantsi kwazo zonke iimfundiso zaKhe nako konke ukuphathwa kwabantu. Abona basebenzi bathobekileyo, ngokusebenzisana noKristu, banako ukuchukumisa iintambo ekuthi ukushukuma kwazo kuhlokome kuse eziphelweni zomhlaba, zenze uncuthu lomculo kunaphakade wonke.UL 114.4

    Izidalwa zasezulwini zilindele ukusebenzisana nezixhobo ezingabantu, ukuze zikwazi ukutyhila ehlabathini oko izidalwa ezingabantu zinokuba kuko, kwakunye noko, ngokumanyana noThixo, kungafezwa ekusindisweni kwemiphefumlo esele ilungele ukutshabalala. Akukho mda ekubeni luncedo kulowo othi, embekele bucala umna, avule indawo yokusebenza kukaMoya Oyingcwele entliziyweni yakhe nokuba aphile ubomi obunikelwe ngokupheleleyo kuThixo. Bonke abanikela ngomzimba, ingqondo, nomoya emsebenzini waKhe baya kuthi rhoqo besamkela ukuzaliswa ngokutsha ngamandla omzimba, engqondo nawomoya. Izipho ezingapheliyo zezulu zilindele ukuba bazisebenzise. UKristu ubanika impefumlo yoMoya waKhe, ubomi bobaKhe ubomi. UMoya Oyingcwele ukhupha awona aphezulu amandla ukuba asebenze engqondweni nasentliziyweni. Ngobabalo esilunikiweyo sinako ukuzuza uloyiso ebekuya kuthi, ngenxa yeengcamango zethu eziphosisayo nesizicingelayo, iziphoso zethu zesimilo, ubuncinane bokholo lwethu, lubonakale luyinto engenakwenzeka.UL 115.1

    Kuye wonke ozinikelayo eNkosini ukuba asebenze, engenanto ayigusha angayinikeli, unikwa amandla okufikelela kwiziphumo ezingenamlinganiselo. Aba, uThixo uya kubenzela izinto ezinkulu. Uya kusebenza ezingqondweni zabantu ukuze kuthi, nakweli hlabathi, kubonwe ebomini babo ukuzaliseka kwesithembiso semo yexesha elizayo.UL 115.2

    “Inemihlali intlango nomqwebedu;
    Iyagcoba inkqantosi iyadubula njengomfiyo.
    Iyatyatyamba, ithi rhoqo; iyagcoba,
    ewe, iyagcoba imemelele,
    Inikwe ubuqaqawuli beLebhanon,
    Ubungangamela beKarmele neSharon;
    Ezo ndawo ziya kububona ubuqaqawuli bukaYehova,
    Ubungangamela boThixo wethu.

    ‘Yomelezani izandla eziwileyo,
    Niwaqinise amadolo agexayo.
    Yithini kwabantliziyo zingxamayo, Yomelelani, nongoyiki;
    Yabonani, uThixo wenu. . . .

    “Aya kuvulwa amehlo eemfama,
    Zivulwe iindlebe zezithulu;
    Size sitsibe njengexhama isiqhwala,
    Lumemelele ulwimi lwesidenge;
    Ngokuba kuya kugqobhoza amanzi entlango,
    Nemilambo enkqantosini.

    “Isanga sibe lidike,
    Neendawo ezinxaniweyo zimpompoze amanzi. . . .
    Kuya kubakho umendo khona, kubekho indlela,
    Kuthiwe ukubizwa kwayo, Yindlela engcwele le.

    Akuyi kudlula nto iyinqambi ngayo; yeyabo yona:
    Abahamba loo ndlela — nabazihula abayi kulahleka kuyo.
    “Akuyi kubakho ngonyama khona,
    Aliyi kuqabela khona irhamncwa eliqwengayo,
    Aliyi kufunyanwa khona;
    Kuya kuhamba khona abakhululwe ngokuhlawulelwa;
    Abakhululwa baYehova babuye beze eZiyon bememelela;
    Benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo;
    Baya kufumana imihlali nemivuyo,
    Sisabe isingqala nosizi.”
    UL 115.3

    Isaya 35:1-10.

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents