Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    24—Inyama Njengokutya

    Ukutya abakunikwayo abantu ekuqalekeni kwakungayihlanganisi inyama. Kwada kwasemva kukaNogumbe, xa uhlaza lomhlaba lwalutshabalele, waza ke umntu wazuza imvume yokutya inyama.UL 243.1

    Ekumnyuleleni umntu ukutya e-Eden, uYehova wambonisa oko kwakulungele ukuba kutyiwe; kwathi, ekunyuleni awakwenzela uIsrayeli, wafundisa kwasona eso sifundo sinye. Wawakhupha amaIsrayeli eYiputa waza waqalisa ukuwaqeqesha, ukuze abe ngabantu abangabaKhe. Ngabo, wayelangazelela ukusikelela nokufundisa ihlabathi. Wabanika ukutya okulunge kakhulu ukufeza le njongo, kungeyiyo inyama, kodwa kuyimana,” isonka sasezulwini.” Kwaba kuphela ngenxa yokunganeliseki kwabo nokukhalaza befuna iimbiza zenyama zaseYiputa okwenza ukuba ukutya izilwanyana kuvunyelwe, kanti noko kukokwexeshana. Ukusetyenziswa kwayo inyama kwazisa isifo nokufa kumawaka. Ngoko ke, ukuphelelisa ekutyeni okungenayo inyama akuzange kwamkelwa ngomoya omhle. Kwaqhubeka kungunobangela wokunganeliseki nokukhalaza, ekuhleni okanye emfihlakalweni, kwaza akwenziwa ukuba kuhlale kungaze kuyekwe.UL 243.2

    Ekuhlaleni kwawo eKanan, amaIsrayeli avunyelwa ukuba angayitya inyama, kodwa phantsi kwemiqathango engqongqo eyayijonge ukuba izicuthe iziphumo ezibi. Ukusetyenziswa kwenyama yehagu kwalelwa, njengazo nezinye izilwanyana neentaka kunye neentlanzi ezinyama yazo ekwathiwa iyinqambi [ayihlambulukanga]. Ngezi nyama zavunyelwayo, ukutyiwa kwenqatha negazi kwalelwa ngokungqongqo.UL 243.3

    Ngokusuka kweli cebo linyulwe lizulu kwendlela yawo yokutya, amaIsrayeli afumana ubunzima obukhulu. Awazange afikelele kumgangatho wesimilo sika Thixo okanye ayizalise injongo yaKhe. UYehova “wabancika abakubizayo; wathumela ukungucumbeka emphefumlweni wabo.” Indumiso 106:15. Baya baxabisa okwasemhlabeni ngaphezu kokwasemoyeni, kwathi ukubaluleka okungcwele, okwakuyinjongo yaKhe ngabo, abafikelela kuko.UL 243.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents